Uhlaziyo-Mnqophiso 23 XHO96

Ukuhlela ibandla

1 “Indoda elithenwa ngokutyunyuzwa, okanye enqunyulwe ubudoda, ize ingabandakanywa nebandla labantu *bakaNdikhoyo.

2 “Umntwana wombulo ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi maze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.

3 “UmAmon okanye umMowabhi, ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi, aze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.

4 Kaloku wona ala ukukupha ukutya namanzi ngokuya wawuvela eJiputa; ndaweni yaloo nto aqesha uBhalam unyana kaBhehore, owayephuma kwisixeko iPetore kwelaseMesopotami, ukuba akuqalekise.

5 Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wakho zange amhoye uBhalam lowo; ndaweni yaloo nto wasijika isiqalekiso eso saba yintsikelelo ngenxa yokuba ekuthanda.

6 Ngalo lonke ixesha uzungaze ube nobudlelwane nezi zizwe okanye ukhuthaze inkqubela yazo.

7 “Ungaze uwajongele phantsi amaEdom; kaloku uyazalana nawo. NamaJiputa uzungaze uwajongele phantsi; kaloku wawukhe waba ngumphambukeli elizweni lawo.

8 Wona ukusukela kwisizukulwana sawo sesithathu angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.”

Ukuziphatha komkhosi

9 “Xa umkhosi wakho uphuma usiya kuhlasela utshaba mawuzigcine ungenzi nanye into engavumelekanga.

10 Ukuba ijoni lithe *lanomlaza ngenxa yokuba lichithe ubudoda lilele, maliphumele ngaphandle, lihlale apho.

11 Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.

12 “Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho.

13 Phakathi kwezikrweqe zakho malubekho ulugxa, khon' ukuze uthi xa uye ese uzimbele umngxuma owohlala kuwo.

14 Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”

Eminye imithetho

15 “Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa.

16 Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.

17 “UmSirayeli, eyindoda okanye engumfazi, makangaze abe lihenyu lokunqula *izithixo.

18 Nemali efunyenwe ngale ndlela mayingaze iziswe endlwini *kaNdikhoyo uThixo ngenxa yaso nasiphi na isibhambathiso. Kaloku lo mkhwa ulisikizi kuNdikhoyo uThixo wakho.

19 “Xa umSirayeli eboleke imali, noba kukutya, okanye noba yintoni na kuwe, sukumbiza nzala.

20 Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.

21 “Xa wenze isibhambathiso kuNdikhoyo uThixo wakho uzungalibazisi ukusifezekisa. Kaloku uNdikhoyo uyasibanga, ibe ke sisono ukungasiphumezi.

22 Akulotyala ukungenzi sibhambathiso;

23 kambe ke, xa usenzile, qiniseka ngokusifezekisa. Kaloku usenze ungàqhutywa mntu.

24 “Xa uhamba ngomlimandlela wesidiliya somntu, ungáyikha idiliya, uyitye kangangoko ufuna; kodwa uze ungayigaleli ntweni, uhambe nayo.

25 Ukuba uhamba ngomlimandlela wentsimi yomntu enengqolowa, ungáyikha utye kangangoko ufuna, kodwa ungayisiki ngerhengqe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34