Uhlaziyo-Mnqophiso 7 XHO96

Imilowo yakwaThixo

1 “*UNdikhoyo uThixo wenu uza kuningenisa kwelo lizwe niya kuma kulo. Uza kugxotha izizwe ezininzi kulo; ewe, yoba sisixhenxe sonke sezizwe ezikhulu nezinamandla kunani. Nazi ke: amaHeti, amaGirgashi, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

2 Ke akuba uNdikhoyo uThixo wenu ezinikele kuni ezi zizwe nazoyisa, kufuneka nizitshabalalise ziphele nya. Ningaze nenze mvumelwano kunye nazo, futhi ze ningabi nanceba tu kuzo.

3 Ningaze nendiselane nazo,

4 kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko.

5 Ngoko ke ze nenjenje kuzo: wadilizeni amaqonga azo, iintsika zazo zamatye niziqhekeze zibe ziingceba, ke yona imifanekiso yesithixokazi sazo uAshera ze niyinqunqe, ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo noyitshisa ngomlilo.

6 Le nto ke noyenza kuba kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu. Kaloku kuzo zonke izizwe zehlabathi uNdikhoyo uThixo wenu uninyulele ukuze nibe ngabantu abalibango lakhe elilodwa.

7 “Ke kaloku uNdikhoyo akathanga nca nani waninyula kuba nibaninzi kunezinye izizwe; hayi, kaloku nanisesona sizwe sincinci ehlabathini liphela.

8 UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa.

9 Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.

10 Kambe uya kuziphindezela ngqo kwabo bamthiyileyo, abatshabalalise; ewe, akayi kulibazisa ukuziphindezela.

11 Ngoko ke wuthobeleni ngenyameko lo myalelo nale mimiselo ngokunjalo nale migaqo ndininike yona namhlanje ukuba niyenze.”

Uyolo lwentobeko

12 “Ukuba nithe nayiphulaphula nayithobela le migaqo, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuthi rhoqo ukuwugcina umnqophiso wakhe nani, zithi ke nezibele zakhe ziphuphumele kuni ngokwesifungo sakhe kooyihlo.

13 Uthando lwakhe uya kulubonakalisa kuni, anithamsanqele kangangokuba niqhame nande. Intsikelelo yakhe yofikelela kuni, nizale abantwana, nasemasimini enu nivune ukudla okwaneleyo: okuziinkozo, iwayini, neoyile. Kanti ke neenkomo zenu uya kuzandisa, nditsho nempahla yenu emfutshane ngokunjalo. Yonke ke le nto uya kunenzele kwelo lizwe wanithembisa ngalo kooyihlo-mkhulu ngesifungo.

14 Ehlabathini liphela akuyi kubakho sizwe sithamsanqeleke njengani. Phakathi kwenu soze abekho umntu ngokunjalo nemfuyo engazaliyo.

15 UNdikhoyo uya kunikhusela kuzo zonke izifo; soze aniyekele ngezifo ezifana nezo zoyikekayo zaseJiputa, kambe ke zona iintshaba zenu uya kuzibetha ngezi zifo.

16 Ze nizitshabalalise zonke izizwe azinikele kuni uNdikhoyo uThixo wenu, ningazenzeli nceba konke-konke. Ze ningazikhonzi izithixo zazo, kuba ngokwenjenjalo noba nizenzela umgibe.

17 “Nisenokuthi ekucingeni kwenu: ‘Ezi zizwe zikhulu kunathi; soze sizoyise.’

18 Kambe ze ningaxhalabi, koko khumbulani into awayenzayo uNdikhoyo uThixo wenu kukumkani waseJiputa nakwiJiputa iphela,

19 nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo.

20 Ewe, abo baseleyo kuzo uNdikhoyo uThixo wenu uya kubathumela ngoonomeva, abagubhulule apho bazimeleyo khona, batshabalale.

21 Ngoko ke sanukunkwantya ngenxa yaba bantu, kuba uNdikhoyo uThixo wenu unani, abe ke yena unguThixo omkhulu orhwaqelisayo.

22 Ekungeneni kwenu uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzigxotha ngokuzigxotha ezi zizwe. Aniyi kusuka nizitshabalalise ngaxesha-nye, kuba ngaloo ndlela angasuka ande amarhamncwa, ke nina nibe semngciphekweni.

23 UNdikhoyo uya kuzinikela ezandleni zenu iintshaba zenu, azenze zibe namanwele, zidideke, zitshabalale ziphele.

24 Izikumkani zazo uya kuzinikela ezandleni zenu; ke nina niya kuzitshabalalisa zingabi sakhunjulwa. Akukho mntu uya kuba nako ukumelana nani, naye ke niya kutshabalalisa nivuthulule konke nje.

25 Imifanekiso eqingqiweyo *yezithixo zabo ze niyitshise. Igolide nesiliva eyenziwe ngayo loo mifanekiso ze ningayibaweli niyithathe, hleze nizenzele umgibe ngayo; kaloku yona ilisikizi kuNdikhoyo uThixo wenu.

26 Le mifanekiso ze ningayingenisi emizini yenu, hleze nithi ngokwenjenjalo nizithathele ishwangusha kwanjengokuba nayo iqalekisiwe. Kufuneka niyithiye niyenyanye imifanekiso, kuba kaloku imelwe kukutshatyalaliswa.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34