Uhlaziyo-Mnqophiso 25 XHO96

1 “Xa amaSirayeli amabini exabene, aza asana enkundleni, omnye wawo ke wafunyaniswa engenatyala, waza ke wagwetywa omnye lo;

2 ukuba ugwetywe ikatsi, umgwebi makatsho acanjalaliswe. Inani lemivumbo yakhe loxhomekeka kwelo tyala alenzileyo.

3 Angákatswa ukuya kwimivumbo emashumi mane, kodwa ke ingadluli apho. Kaloku xa inokuba ngaphezu kwaleyo wòba umthobile umwenu.

4 “Xa usebenzisa inkabi yenkomo ekubhuleni ingqolowa, musa ukuyifaka isicheme.”

Uxanduva kwabazalanayo

5 “Ukuba oonyana bomntu omnye bahlala mzini-mnye, aze omnye lo asweleke engenanyana, umhlolokazi lowo kamfi akufuneki athathwe ndoda yamzi wumbi; kaloku luxanduva lomntakwabo-mfi ukumthatha amenze umfazi.

6 Ke unyana wokuqala abaya kumzala bobabini woba ngunyana kamfi, khon' ukuze umlibo wakhe ungatshitshi kwaSirayeli.

7 Kambe ke ukuba umntakwabo-mfi lo akafuni kumthatha, umka-mfi makaye kuxelela amadoda amakhulu edolophu leyo, athi: ‘Umntakwabo-mfi akavumi kuwenza umsebenzi wakhe; uyala ukuvelisela umfi inzala phakathi kwamaSirayeli.’

8 Ke wona amadoda amakhulu aya kumbiza athethe naye.“Ukuba ke uphikelela ukwala,

9 umka-mfi lowo makaye kuye ekho namadoda amakhulu edolophu leyo, afike akhulule isihlangu sakhe, amtshicele ebusweni, athi: ‘Nantso ke into eyenziwayo kumntu ongafuniyo ukuvelisela umntakwabo inzala.’

10 Jikelele ke kwaSirayeli umzi wakhe uya kwaziwa njengomzi ondoda ikhululelwe isihlangu.”

Izilumkiso

11 “Ukuba amadoda amabini ayalwa, aze umfazi wenye azame ukuncedisa indoda yakhe ngokubamba le ilwa nayo ngobudoda,

12 sukumenzela nceba, mnqumle isandla.

13-14 “Xa usebenzisa isilinganiso sukwenza buqhophololo mayela nobunzima nobungakanani. Izilinganiso zakho mazibe zezizizo ngalo lonke ixesha.

15 Sisebenzise ngokunyaniseka isilinganiso, khon' ukuze uhlale ithuba elide kwelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho.

16 Kaloku banezothe kuNdikhoyo abantu abanobuqhophololo.

17 “Ungaze uyilibale into enayenziwa ngama-Amaleki ngokuya nanivela eJiputa.

18 Wona ahlangana nani nidiniwe, niphelelwe ngamandla, aza ababulala bonke abo baberhuqeka ngasemva. Kaloku ayengamoyiki uThixo.

19 Ngoko ke akuba uNdikhoyo ekuhlangule kuzo zonke iintlanga ezikungqongileyo, waza wawuma umhlaba akunika wona ukuba ube lilifa lakho, uze uwabulale uwatshayele ama-Amaleki atsho alibaleke. Uyabona ke, uze ungaphazami!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34