Uhlaziyo-Mnqophiso 15 XHO96

Unyaka wesixhenxe

1 “Njalo ekupheleni konyaka wesixhenxe iya kuba lithuba lokucinywa kwamatyala.

2 Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo.

3 Yona into oyibanjwa yintlanga ungayibiza, kodwa oyibanjwa ngumwenu ungabi sayithatha.

4 Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu,

5 ukuba ngaba nithe namthobela nazinyamekela ukuzenza zonke izinto endiniyalele zona namhlanje.

6 UNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela ngokwesithembiso sakhe. Niya kuba nako ukubolekisa ezizweni, kodwa nina ngokwenu ningaboleki nto mntwini. Niya kuba namagunya phezu kwezizwe, kodwa nina akukho sizwe siya kuba namagunya phezu kwenu.

7 “Kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu, ukuba kuthe kwakho umwenu dolophini ithile osweleyo, uze ungavimbi usifinyeze isandla sakho, wale ukumnceda.

8 Ndaweni yaloo nto uze ube nezinwe, umboleke umncede kangangoko eswele.

9 Uze ungali ukumboleka into ngenxa yokuba sowukufuphi unyaka wokucinywa kwamatyala. Into enjalo yinkohlakalo; uze ungayivumeli ingene nokungena oku engqondweni yakho. Xa uthe wala ukumnceda, yena uya kubhenela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

10 Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo.

11 Baya kusoloko bekhona abahlelelekileyo; ngoko ke ndiyaniyala ukuba ze nibe nezinwe ngakumawenu nakwabahlelelekileyo namahlwempu apho kwelo lizwe lenu.”

Ukuphathwa kwamakhoboka

12 “Xa umwenu umHebhere okanye umHebherekazi ethe wathengiswa kuwe, walikhoboka lakho, aze akusebenzele iminyaka ibe mithandathu, uze umkhulule ngowesixhenxe.

13 Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto.

14 Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini.

15 Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.

16 “Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho,

17 uze ulithathe ulise elucangweni lwendlu yakho, uligqoboze iindlebe ngenyatyhowa. Ngolo hlobo ke loba likhoboka lakho bonke ubomi balo. Yoba seso ke nakwikhoboka elibhinqileyo.

18 Uze ungakhathazeki xa kufuneka ukhulule ikhoboka lakho; kaloku lona likusebenzele iminyaka emithandathu ngesiqingatha sexabiso obuya kulihlawula xa ubuliqeshile. Ukuba wenza ngale ndlela ke uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuko konke okwenzayo.”

Amazibulo eenkomo neegusha

19 “Onke amazibulo angamaduna eenkomo naweegusha ayinxaxheba *kaNdikhoyo uThixo wakho; ezi nkomo uze ungazisebenzisi, ngokunjalo neegusha ungazichebi.

20 Minyaka le ke uya kuwathatha uye nawo kwindawo anqulelwa kuyo uNdikhoyo uThixo wakho, ufike uwaxhele uwatyele khona nosapho lwakho.

21 Kambe ke xa kukho elinesiphako kula mazibulo, noba liyaqhwalela, mhlawumbi liyimfama, okanye linaso nasiphi na isiphako, uzungamenzeli idini ngalo uNdikhoyo uThixo wakho.

22 Elinjalo ungalixhela ulityele ekhaya. Xa ninonke, nihlambulukile ningahlambulukanga, ningalitya kwanjengokuba nisitya inxala okanye imbabala.

23 Kambe ke lona igazi lalo sukulitya, koko lichithe phantsi okwamanzi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34