Uhlaziyo-Mnqophiso 14 XHO96

Mayela nokuzila

1 “Nina ningabantwana *bakaNdikhoyo uThixo wenu, ngoko ke ze ningaziqaphuli okanye nibe nendawo eniyichebayo entloko xa nizilela abangasekhoyo, njengoko zisenza ezinye iintlanga.

2 Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe.”

Ezityiwayo nezingatyiwayo

3 “Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi.

4 Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe,

5 inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula,

6 naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa.

7 Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga.

8 Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.

9 “Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya.

10 Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.

11 “Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazitya.

12-18 Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo.

19 Zonke izinambuzane ezibhabhayo ezingahlambulukanga mazingatyiwa.

20 Kambe ke ezihlambulukileyo ningazitya.

21 “Isilwanyana esifileyo asityiwa. Kambe ke zona iintlanga eziphakathi kwenu zingasitya, okanye ningasithengisa nakubahambi. Ke nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu – abantu bakhe ncakasana.“Ningaze nipheke itakane ngobisi lukanina.”

Izishumi

22 “Kufuneka nisibekele bucala isishumi – oko kukuthi isahlulo seshumi kuyo yonke imveliso yakho yamasimi minyaka le.

23 Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.

24 Xa kunokwenzeka ukuba ithi kanti indawo leyo yonqulo ikude gqitha kumakhaya enu, ukuba nibe nako ukuthwala imveliso leyo anithamsanqele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu, niye nayo kuyo, ze nenjenje:

25 Yithengiseni imveliso leyo, nize nithathe imali leyo, niye nayo apho kwindawo yonqulo.

26 Ze nifike nithenge ngayo nokuba yintoni na – ingayinkomo, igusha, iwayini, noba yenye into eselwayo, nantoni na eniyinqwenelayo. Nothi ke apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nihlale kunye neentsapho zenu, nixhamle ezo zidlo nonwabile.

27 “Ningaze nibalahle abaLevi abahlala phakathi kwenu; kaloku bona abanamhlaba.

28 Njalo ekupheleni konyaka wesithathu, thathani isishumi semveliso yenu, nisigcine kwezo ndawo nihlala kuzo.

29 Esi yoba sisabelo sabaLevi njengoko bengenamhlaba bona, ndawonye nabangeneleli, iinkedama, nabahlolokazi abahlala phakathi kwenu. Kofuneka beze bathathe batye banele. Le nto ke yenzeni khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wenu anithamsanqele kuyo yonke into eniyenzayo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34