Uhlaziyo-Mnqophiso 5 XHO96

Umnqophiso

1 Ke kaloku uMosis wawabiza onke amaSirayeli, waza wadanduluka wenjenje: “Hoyina, maSirayeli! Phulaphulani, nantsi imimiselo nemigaqo endiyibhengeza ezindlebeni zenu namhlanje. Yifundeni ngenyameko, nize niyithobele.

2 Kwintaba iHorebhe *uNdikhoyo uThixo wethu wenza umnqophiso nathi.

3 Lo mnqophiso akawenzanga noobawo nje qha, koko wawenza nathi sonke ngabanye, thina baphilayo namhlanje.

4 Apho kuloo ntaba uNdikhoyo wathetha nani ubuso ngobuso eselangatyeni lomlilo.

5 Ngelo thuba ke mna ndema phakathi kwenu noNdikhoyo ndinivakalisela awayekuthetha, kuba kaloku nina nasuka noyika nakubona umlilo, anavuma ukusondela entabeni.“UNdikhoyo wathetha nani, wathi:

6 ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa apho wawulikhoboka khona.

7 “ ‘Ungaze unqule thixo wumbi ngaphandle kwam.

8 “ ‘Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba.

9 Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo.

10 Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo beyithobela imiyalelo yam.

11 “ ‘Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

12 “ ‘*UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo.

13 Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho.

14 Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.

15 Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.

16 “ ‘Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko njengoko mna Ndikhoyo onguThixo wakho ndikuyalelayo, khon' ukuze ube nokuzinza uxhamle intlala-kahle kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

17 “ ‘Musa ukuba sisibulala-mntu.

18 “ ‘Musa ukukrexeza.

19 “ ‘Musa ukûba.

20 “ ‘Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

21 “ ‘Musa ukunqwenela umfazi wenye indoda; ngokunjalo nomzi wayo, nentsimi yayo, nesicaka sayo, nenkomo yayo, nedonki yayo, nayo nantoni na eyeyomnye umntu.’

22 “Nantso ke imithetho awayibhengezayo kuni uNdikhoyo xa ninonke ngokuya nanihlangene entabeni. Ewe, akukho yimbi imithetho awayivakalisayo ngokuya wayethetha ngelizwi elikhulu eselangatyeni lomlilo kwintshinyela yomsi. Ke yona wayibhala kumacwecwe amabini amatye, wayinika mna.”

Ukoyika kwamaSirayeli

23 “Kaloku xa intaba yayingumlilo nje yonke, nathi nakuliva ilizwi esithokothokweni sobumnyama, amadoda amakhulu kunye neentloko zezindlu zenu eza kum,

24 nathi: ‘*UNdikhoyo uThixo wethu usibonisile isihomo nobungangamsha bakhe; kaloku simve ethetha eselangatyeni lomlilo! Namhlanje siyaqonda ukuba kuyenzeka ukuba umntu aphile nangona uThixo athethe naye.

25 Kodwa ke, ngani ukuba sizibeke emngciphekweni wokufa? Hayi bo! Laa ntleke-ntleke yomlilo iya kusitshabalalisa. Singafa ukuba uthe waqhubela phambili uNdikhoyo uThixo wethu ukuthetha nathi.

26 Ngaba kukho mntu ukhe waphila akuba eve uThixo ophilayo ethetha njengoko thina simvileyo elangatyeni lomlilo?

27 Hayi, Mosis, makuye wena, ukuphulaphule konke akuthethayo uNdikhoyo uThixo wethu; uze ke ubuye uze kusixelela. Ke thina siya kuphulaphula simthobele.’

28 “Ke kaloku uNdikhoyo wathi akukuva ukuthetha kwenu, wathi kum: ‘Ndiyivile into ethethwa ngaba bantu; ndiyayamkela.

29 Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.

30 Yiya utsho kubo babuyele emizini yabo.

31 Kambe ke, wena Mosis, sala apha kunye nam, ukuze ndikunike imiyalelo, nemimiselo, nemigaqo, uze uwafundise ke amaSirayeli, khon' ukuze ayithobele kwelo lizwe ndiwapha lona.’

32 “MaSirayeli, noba sekutheni yenzani yonke into aniyaleleyo uNdikhoyo uThixo wenu. Yithobeleni yonke imithetho yakhe ningayityesheli nakancinane.

33 Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34