Uhlaziyo-Mnqophiso 2 XHO96

Ukubhadula entlango

1 “Emva koko sanduluka sangena entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu, ngokwelizwi *likaNdikhoyo. Apho ke sathatha ithuba elide ukujikeleza ezo ntaba zaseSeyire.

2 “UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi:

3 ‘Selilide ithuba nizama ukujikela le ntaba, ngoko ke jikani niye kwelasentla.

4 Ke ngoko uzubayale abantu, uthi: “Ngoku seniza kungena kweleentaba laseSeyire, umhlaba wamawenu inzala kaEsawu. Ke wona aza kunoyika,

5 kambe ke ze nizilumkele ningawaqali, kuba kaloku andiyi kuninika nomhlathana lo kumhlaba wawo. Intaba yeSeyire ndayinika uEsawu nenzala yakhe.

6 Ukutya namanzi wathengeni kubo xa nidlulayo.” ’

7 “Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.

8 “Ngoko ke sanduluka, sagqitha eSeyire, nditsho kumhlaba wamawethu inzala kaEsawu, sayishiya indlela yasentlango ephuma e-Elati nase-Eziyon-gebhere eya kuLwandle oluFileyo, sajika sasinga kwintlango yaseMowabhi.

9 UNdikhoyo wandiyala wathi: ‘Uze ungawabandezeli uwaqale amaMowabhi, inzala kaLothe, kuba ndiwaphe idolophu yaseAra. Ke andiyi kukunika nendawana le kumhlaba wawo.’

10 “Apho ke eAra kwakumi uhlanga olomeleleyo, kusithiwa ngamaEma. Nawo ayeziingxilimbela njengama-Anaki.

11 Kwanjengama-Anaki nawo kwakusithiwa ngamaRafa, kambe ke wona amaMowabhi ayesithi ngamaEma.

12 Wona amaHori ayekade emi eSeyire, aza agxothwa yinzala kaEsawu, yawaphanzisa kwema yona kuloo mhlaba wawo, kwanjengokuba noSirayeli ezigxothile iintshaba zakhe kumhlaba awuphiwe nguNdikhoyo.

13 “UNdikhoyo wathi: ‘Sukani niwele umfula iZeredi.’ Senjenjalo ke.

14 “Ngoku ke kwakusekuyiminyaka emashumi mathathu anesibhozo saphumayo eKadeshe-bhaneya. Onke amajoni eso sizukulwana ayeselafa ngokomlomo kaNdikhoyo.

15 UNdikhoyo wachasana nawo wada wawatshabalalisa kwathi nya.

16 “Akuba loo majoni efe onke ke,

17 uNdikhoyo wathi kum:

18 ‘Namhlanje ke niza kucanda kumhlaba waseMowabhi ngaseAra.

19 Xa nilapho ke noba kufuphi kumhlaba wama-Amon, inzala kaLothe. Ze ningawabandezi okanye niwaqale; kaloku andiyi kuninika nento le kumhlaba endawunika wona.’

20 “Lo mmandla ke ukwaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa, gama elo lilelabantu ababemi khona ngaphambili, ke wona ama-Amon ayesithi ngamaZamzum.

21 Nabo babeziingxilimbela njengama-Anaki. Babeluhlanga olomeleleyo, bebaninzi ngamanani. Phofu ke uNdikhoyo wabatshabalalisa, khon' ukuze umhlaba wabo umiwe ngama-Amon.

22 UNdikhoyo wenza kwaloo nto kumaEdom, inzala kaEsawu leyo imi kweleentaba eSeyire. Wawatshabalalisa amaHori, khon' ukuze amaEdom eme kuloo mhlaba wawo. Asekuwo ke unanamhla.

23 Ke amaKrete, awayevela kwisiqithi saseKrete, awatshabalalisa ama-Avi, awayemi ntlandlolo kwiidolophu zonke ukuya kuthi xhaxhe eGaza, aza ema khona.

24 “Sakuba ke sigqithile eMowabhi, uNdikhoyo wathi: ‘Ke ngoku sukani niwele umlambo iAnoni. USihon ukumkani wama-Amori oseHeshbhon sendimnikele esandleni senu, ngokunjalo nomhlaba wakhe. Mhlaseleni, niye niwuhluthe umhlaba wakhe.

25 Ukusukela namhlanje bonke abantu belimiweyo ndiza kubenza banoyike, barhwaqeliswe yingxelo yoko nikwenzileyo.’ ”

Ukoyiswa kukaSihon

26 “Ngoko ke ndathumela kukumkani uSihon waseHeshbhon xa thina sasikwintlango yeKedemoti, ndizama uxolo, ndisithi:

27 ‘Siyakubongoza, sivumele sinqumle emhlabeni wakho. Siya kuhamba ngqo, singaphumi endleleni.

28 Ukutya namanzi esiwasebenzisileyo siya kuwahlawula. Kuphela into esiyifunayo kukugqitha nje emhlabeni wakho,

29 side siye kuwela umlambo iJordan, singene kwilizwe esiliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke yona inzala kaEsawu eseSeyire ndawonye namaMowabhi aseAra asivumele ukuba sicande emhlabeni wawo.’

30 “Kambe ke ukumkani uSihon wala ukuba sicande emhlabeni wakhe. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wayemenze wanenkani waqaqadeka, khon' ukuze simoyise siwuthathe lo mhlaba wakhe simi kuwo unangoku.

31 “UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi: ‘Uyabona ke, ukumkani uSihon sendimgqibile; akusekho yakhe. Ngoko ke ngenani niwuthathe umhlaba wakhe, nime kuwo.’

32 Ke kaloku ukumkani uSihon waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, weza kulwa nathi ngaseJaza.

33 Kambe ke yena uNdikhoyo uThixo wethu wamnikela kuthi, samoyisa noonyana bakhe nawo wonke umkhosi wakhe.

34-35 Ngokunjalo ke sahlasela satshabalalisa kuzo zonke iidolophu, amadoda, abafazi, ndawonye nabantwana, asashiya nempunde le. Iidolophu sazitshabalalisa; ke sathimba kuphela iinkomo namanye amaxhoba.

36 Sazitshabalalisa zonke iidolophu ukusukela eArure ekungeneni kwintili yeAnoni, nesixeko esisembindini waloo ntili, ukuya kuthi gaa ngeGiliyadi. Ukomelela kweendonga zezo dolophu kwaba yintwan' encinci kuthi. NguNdikhoyo uThixo wethu owakunikela kuthi konke oku.

37 Kambe ke asisondelanga kummandla wama-Amon, okanye kunxweme lomlambo iJabhoko, nakwiidolophu zomhlaba weentaba, nakuyo nayiphi na indawo esasingayalelwanga ngayo nguNdikhoyo uThixo wethu.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34