Uhlaziyo-Mnqophiso 27 XHO96

Ukubhengezwa kwemiyalelo nemithetho

1 UMosis ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli wathi: “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininika yona namhlanje.

2 Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,

3-4 niwabhale kuwo onke amazwi alo mthetho. Xa seniwelile nangena kwelo lizwe lobisi nobusi nalithenjiswa nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu, la matye ze niwamise kwintaba iEbhali, niwatyabeke ngefutha ngokwalo myalelo ndininika wona namhlanje.

5 Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.

6 Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga. Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,

7 ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.

8 Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”

9 UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.

10 Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”

Isiqalekiso ngenxa yentswela-mbeko

11 Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:

12 “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli: uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.

13 Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.

14 “Ke bona abaLevi baya kuvakalisa la mazwi bekhwaza besithi:

15 ‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi, aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’“Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’

16 “ ‘Uqalekisiwe nabani na odela uyise noba ngunina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

17 “ ‘Uqalekisiwe nabani na oshenxisa umlimandlela wommelwane.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

18 “ ‘Uqalekisiwe nabani na olahlekisa imfama endleleni.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

19 “ ‘Uqalekisiwe nabani na ogqwetha inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama nabahlolokazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

20 “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umka-yise, kuba unyelisa uyise.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

21 “ ‘Uqalekisiwe nabani na olala nesilwanyana.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

22 “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha udade wabo, nditsho intombi kayise nokuba yekanina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

23 “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umkhwekazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

24 “ ‘Uqalekisiwe umntu ogebenga umwabo engabonwa.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

25 “ ‘Uqalekisiwe umntu othengwayo khon' ukuze agebenge abamsulwa.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

26 “ ‘Uqalekisiwe nabani na ongazithobeliyo aziphumeze iimfundiso zalo mthetho.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34