Uhlaziyo-Mnqophiso 16 XHO96

IPasika

1 “*UNdikhoyo uThixo wakho uze umzimase ngokwenza umbhiyozo *wePasika ngenyanga ka-Abhibhi. Kaloku yena wakukhulula ngabusukwazana buthile ngayo le nyanga kwelaseJiputa.

2 Ngoko ke ngaloo mini uzuye kuloo ndawo yokunqula yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe, ufike wenze idini ngegusha okanye inkomo, usenzela uNdikhoyo uThixo wakho isidlo sePasika.

3 Kweli theko ke isonka uzusitye singanyuswanga. Iintsuku ezisixhenxe ke uzusebenzise isonka esinganyuswanga, kwanjengokuba wênzayo ukumka kwakho eJiputa buphuthu-phuthu. Yitya eso sonka ke – sona kothiwa sisonka seenzingo – khon' ukuze ungaze uyilibale nanini na imini owaphuma ngayo eJiputa.

4 Isithuba seentsuku ezisixhenxe ke kofuneka kungabikho namnye apho kwelo lizwe lakho ugcina igwele endlwini yakhe. Inyama yaloo nto ixhelwe ngolo rhatya lokuqala ize ityiwe igqitywe kwangobo busuku.

5-6 “Izinto ozixhelela eli theko lePasika uzuzixhelele phaya endaweni eyalathwe nguNdikhoyo, eli theko ungalenzeli kwenye indawo apho kwelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. Idini lePasika uzulenze ngongcwalazi selitshona ilanga, xesha elo wathi waphuma ngalo eJiputa.

7 Inyama leyo ke uzuyojele apho endaweni yonqulo, uyityele khona, nize nibuyele kwezo ndawo nihlala kuzo.

8 Ngezo ntsuku zintandathu zilandelayo ke uzutye isonka esinganyuswanga; ngolu lwesixhenxe ke kofuneka ungaphathi msebenzi, koko nihlangane ninqule uNdikhoyo uThixo wenu.”

Umsitho wolibo

9 “Ukusuka kwixesha oqale ngalo ukuvuna uzubale iiveki zibe sixhenxe,

10 uze ke wenze umsitho wokubhiyozela ulibo, usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho. Le nto ke uzuyenze ngokuzisa iminikelo yezinwe zakho ngokobungakanani beentsikelelo akunike zona.

11 “Uze wonwabe ube nemihlali phambi koNdikhoyo uThixo wakho: wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi eninabo kwelo lizwe lenu. Lo msitho ke mawenzelwe kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo ukuzinzisa igama lakhe.

12 Yithobele ngenyameko le mimiselo, ukhumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa.”

Umsitho wamaphempe

13 “Emva kokuba uyibhulile ingqolowa wayikhama nediliya, uze wenze umsitho wamaphempe iintsuku zibe sixhenxe.

14 Ngelo thuba ke yonwaba ube nemihlali, wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi abaphakathi kwenu.

15 Menzele umsitho *uNdikhoyo uThixo wakho ngokubhiyoza iintsuku zibe sixhenxe endaweni yonqulo eyalathwe nguye. Uzuvuye wonwabe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wakho uwuthamsanqele umsebenzi wakho watsho ngesivuno esincomekayo.

16 “Kathathu ngonyaka onke amadoda esi sizwe kufuneka aye kunqula uNdikhoyo uThixo wakho kuloo ndawo yalathwe nguye: *ngePasika, ngomsitho wolibo, nangomsitho wamaphempe. Indoda nganye kufuneka ize inento eyiphetheyo

17 ngokobungakanani bamathamsanqa ewaphiwe nguNdikhoyo uThixo wakho.”

Ezolawulo

18 “Kufuneka isizwe ngasinye simiselwe abalamli namanye amagosa kuzo zonke iidolophu zelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. La madoda ke kufuneka alawule abantu angakhethi buso.

19 Kufuneka angabugqwethi ubulungisa, angabi nagobe xa esenza izigqibo, angazamkeli izicengo, kuba izipho ezihamba nezicengo zimfamekisa namehlo ezilumko, ngokunjalo namadoda anyanisekileyo atsho enze izigqibo ezingafanelekanga.

20 Maxa onke kufuneka kulawule ubulungisa bodwa phakathi kwenu, khon' ukuze niphile nilimé elo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo uThixo wenu.”

Ukuchaswa kwezithixo

21 “Xa usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho iqonga uze ungemisi mthi umele *isithixokazi uAshera ecaleni kwalo.

22 Uzungamisi nantsika yalitye, kuba úyichasile loo nto uNdikhoyo uThixo wakho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34