Uhlaziyo-Mnqophiso 19 XHO96

Iidolophu zokuphephela

1 “Akuba ke *uNdikhoyo uThixo wakho ezitshabalalisile ezo zizwe zimhlaba wazo awupha wena, naza nazigxotha nema kwiidolophu zazo ngokunjalo nemizi yazo,

2-3 lahlule kathathu elo lizwe, kummandla ngamnye ukhethe idolopu efikeleleka lula, uzilungise iindlela eziya kuyo. Úya kuthi ke umntu obulele omnye abe nokuphephela kwenye yazo, afumane ukukhuseleka.

4 Inkqubo iya kuhamba ngolu hlobo: Umntu obulele omnye ngengozi, engelotshaba lwakhe, wobalekela kwenye yazo ukuze asinde.

5 Ukuba abantu ababini baphumile baya kutheza ehlathini, waza ke wathi omnye wabo esagawula umthi lasuka lapoqa izembe lakhe laza lamenzakalisa wafa omnye lowo, lo ebegawula makaphephele kwenye yezo dolophu ukuzisindisa.

6 Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe!

7 Kungenxa yeso sizathu ke le nto ndikuyalela ukuba umise iidolophu zibe ntathu.

8 “Xa uNdikhoyo uThixo wakho ethe walandisa elo lizwe lakho, wakongezela wonke umhlaba awuthembise ookhokho bakho efunga,

9 kofuneka uphinde ukhethe nezinye iidolophu zibe ntathu. Uzukwenze ke konke endikuyaleleyo namhlanje, ubonakalise ukumthanda uNdikhoyo uThixo wakho, uhlale uziphatha ngokweemfundiso zakhe.

10 Ezi dolophu ziyimfuneko, khon' ukuze abantu abamsulwa bangabi loxhoba lokubulawa kwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho.

11 “Kambe ke xa umntu elalele umwabo amthiyileyo wamgebenga engacingele nto, waza wabalekela kwenye yezi dolophu,

12 amadoda amakhulu aloo dolophu yakhe makamlande, amnikezele kwisizalwane sikamfi esingumphindezeli, size sisibulale isigebenga eso.

13 Umntu onjalo sukuba natarhu mpela kuye. Ubugebenga mabutshayelwe buphele tu kwaSirayeli, khon' ukuze nihlale ngoxolo.”

Umlimandlela

14 “Ungaze uwuhlehlise umlimandlela wentsimi yommelwane wakho. Kaloku wona wamiswa ngamanyange mandulo kwelo lizwe uliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.”

Ingqina elixokayo

15 “Ingqina elinye alanele xa umntu ebekwa ityala, nokuba wone kanjani na. Ubutyala bommangalelwa kufuneka bumelwe ngamangqina amabini okanye amathathu.

16 Ukuba umntu okhohlakeleyo uzama ukudyobha omnye ngetyala,

17 bobabini mabasiwe phambi *koNdikhoyo endaweni yonqulo, ityala elo liphicothwe ngababingeleli nabagwebi abasesikhundleni.

18 Abagwebi mabenze uphando olunzulu, baze bathi xa befumanisa ukuba ummangali lo umdyoba nje uwabo lo,

19 bohlwaye ummangali lowo ngesohlwayo ebelindele ukuba siya kunikwa ummangalelwa lowo. Ngale ndlela ke wobutshayela ububi buphele phakathi kwenu.

20 Baya kuthi ke abanye abantu bakuyiva le nto yenzekileyo batsho boyike, kungabi sabakho mntu uphinda ayenze into enjalo.

21 Ewe, uzungabi natarhu mpela; isohlwayo sibe bubomi ngobomi, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, nonyawo ngonyawo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34