Uhlaziyo-Mnqophiso 22 XHO96

1 “Ukuba ubhaqa inkomo okanye igusha yomwenu ilahleka, sukuyijonga nje, koko yinqande uyigoduse.

2 Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike.

3 Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.

4 “Ukuba idonki okanye inkomo yomwenu ibuthisile, sukugqitha nje; mncedise niyiphakamise.

5 “Abafazi mabanganxibi iimpahla zamadoda, ngokunjalo namadoda makangazinxibi iimpahla zabafazi, kuba abantu abenza imikhuba elolo hlobo banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho.

6 “Ukuba ubonisele intaka emthini okanye phantsi, waza wafumanisa ukuba imazi leyo iyafukama okanye inamathole, sukuyibamba uyithathe imazi leyo.

7 Amathole wona ungawathatha, kodwa ke yena unina myeke, khon' ukuze uxhamle ubomi obude obunenkqubela.

8 “Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.

9 “Entsimini olime kuyo idiliya sukulima nesinye isityalo, hleze ungafumani sivuno kuzo zombini.

10 Ungaze ubophe inkomo kunye nedonki xa ulimayo.

11 Ungaze unxibe impahla engumxube, uboya kunye nomchako.

12 “Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”

Ubungqina bobuntombi

13 “Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo,

14 imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’

15 “Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.

16 Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo.

17 Uyayityhola ngokuthi: “Kuthe kanti ibingeyontombi.” Kambe ke, nabu ubungqina obudiza ubuntombi bomntwan' am; khangelani, niyayibona le ngubo; injani?’

18 Kwesi sithuba ke amadoda amakhulu edolophu leyo aya kuyithatha indoda leyo ayikatse.

19 Kwangokunjalo indoda leyo iya kuhlawuliswa ikhulu leesiliva, lize linikwe uyise wentombi leyo, kuba le ndoda ihlaze intombi yamaSirayeli. Ngaphezu koko ke, lo mfazi uya kuhlala engumkayo; soze abe nelungelo lokumala nanini na.

20 “Ukuba kuthe kanti akukho bungqina babuntombi kuye,

21 amadoda amakhulu edolophu leyo aya kumkhupha kowabo, amxulube ngamatye ade afe. Kaloku wenze ihlazo phakathi kwamawabo, wavula ubuhlanti bukayise engendanga. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.”

Iziyalo

22 “Xa umfo othile ebhaqwe ekrexeza nomka-mntu, mababulawe bobabini. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.

23 “Xa intombi eyendayo ibhaqwe emzini ihlangene nandoda yimbi,

24 bobabini mabathathwe bakhutshelwe ngaphandle kwedolophu, baxulutywe ngamatye bade bafe. Intombi le mayibulawe kuba ingenzanga mizamo ikhale, nangona ibingéviwayo. Ke yona indoda le mayibulawe kuba ithathe isondo kwintombi eyendayo. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.

25 “Ukuba indoda idlwengule intombi eyendayo besendle, indoda leyo mayibulawe.

26 Ke yona intombi leyo mayingenziwa nto, kuba ayenzanga sono sifanele ukuba ife. Kaloku eli tyala lifana nelendoda ehlasele enye yayenzakalisa,

27 kuba le ndoda idlwengule intombi endle, yaza yathi nangona ikhala akwabikho bani ungayincedayo.

28 “Ukuba indoda ibhaqwe idlwengula intombi engendiyo,

29 loo ndoda mayikhuphe ikhazi eliziisiliva ezimashumi mahlanu, iyithathe loo ntombi ibe ngumkayo. Kaloku izithathele isondo ngenkani; ngoko ke mayingaze yahlukane nayo nanini na.

30 “Makungaze kubekho nyana uzeka umka-yise; ngokwenjenjalo uya kuba uhlazisa uyise.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34