Uhlaziyo-Mnqophiso 28 XHO96

Kuluyolo ukuthobela

1 “Ke ukuba ulithobele ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.

2 Xa uthe walithobela ke walenza lizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, nâzi iintsikelelo owozixhamla:

3 “Wosikelelwa ezidolophini nasemaphandleni.

4 “Wosikelelwa, umfazi wakho azale, emasimini indyebo ibe ngako, yona imfuyo yande, kubekho amathole namatakane.

5 “Wosikelelwa, ingobozi yakho iphuphume isivuno, isitya sakho sokuxovulela sihlale sinentlama.

6 “Wosikelelwa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.

7 “UNdikhoyo uya kukuvathisa ngoloyiso, nditsho noba sewuhlaselwa ziintshaba. Zothi noba sezivela kwicala elithile, wena uzibethe zithi saa macal' onke.

8 “UNdikhoyo uThixo uya kuwuthamsanqela umsebenzi wakho, izisele zakho zihlale ziphuphuma. Uya kukuthi jize ngamathamsanqa kwelo lizwe akunika lona.

9 “Ukuba niyithobele imiyalelo nahamba ngokwelizwi lakhe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kunimisela nibe ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe.

10 “Ziya kuthi ke izizwe zehlabathi, zakuqonda ukuba uNdikhoyo unenze abantu bakhe, zitsho zinihlonele.

11 “Ewe, uNdikhoyo wokuthi jize ngenkqubela, uzale abantwana, imfuyo yakho ibe namathole namatakane, amasimi akho axakathe isivuno kwelo lizwe uNdikhoyo wafunga ukubanika lona ooyihlo-mkhulu.

12 UNdikhoyo uya kuwavula amazulu ngexesha elililo, imvula ayiphokoze kuvimba wakhe, awuthamsanqele umsebenzi wakho, khon' ukuze ungasweli nto, koko ubolekis' ezizweni, phofu wena ngokwakho ube ungafuni nto mntwini.

13 UNdikhoyo uya kukwenza ube yimbalasane phakathi kwezizwe, ungabi semxukuxeleni. Uya kuba soloko unenkqubela, ungaze uwe phantsi, ukuba uyithobele wayenza imiyalelo yakhe endikunika yona namhlanje.

14 Noba sekutheni na ungaze uphambuke nakancinane kule miyalelo; ungaze unqule ubuse *oothixo abangabambi.”

Iziqalekiso zokungathobeli

15 “Kambe ke ukuba akulithobelanga ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, ukuba akuyenzanga yonke le miyalelo nale mimiselo ndikunika yona namhlanje, ziya kukufumana iziqalekiso:

16 “Woqalekiswa ezidolophini nasemaphandleni.

17 “Yoqalekiswa ingobozi yakho, nesitya sakho sokuxovulela ngokunjalo.

18 “Yoqalekiswa inzala yakho, nesivuno somhlaba wakho, kwanamathole namatakane emfuyo yakho.

19 “Woqalekiswa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.

20 “UNdikhoyo uya kukuzisela ishwangusha, kube sisiphithi-phithi nenkxwaleko kuyo yonke into oyenzayo, suka uhlelwe sisithwakumbe ude utshabalale ngephanyazo, ngenxa yobubi obenzileyo bokumlahla ungamthobeli uNdikhoyo.

21 UNdikhoyo uya kukubetha ngezifo ngezifo, akutshayele uphele nya, ungawuhlali lo mhlaba uza kungena kuwo ngoku.

22 Uya kukubetha ngezifo ezidla umzimba, umkhuhlane, necesina. Umoya onolophu uya kuwatshabalalisa amasimi akho, akuyekele ngembalela kwanezifo kwizilimo zakho. Ezi zibetho ke ziya kukuthi nca ude ungabikho.

23 Ilanga liya kubalela esibhakabhakeni, umhlaba wome ube lilitye.

24 Imvula aya kuyinisa uNdikhoyo yoba zizaqhwithi nothuli, ude utshabalale.

25 “UNdikhoyo uya kuzipha uloyiso iintshaba zakho, zikuvuyelele. Wothi uzihlasela kweli cala, zona zikubethe uthi saa macal' onke. Zonke ke izizwe zehlabathi ziya kuthi zakuyibona le nto ikuhleleyo zitsho zihlasimle.

26 “Xa senifile imizimba yenu iya kutyiwa ziintaka namarhamncwa, futhi kungabikho namntu uzigxothayo.

27 UNdikhoyo uya kukubetha ngamathumba uxel' amaJiputa. Umzimba wakho uya kuphanjwa zizilonda nalukhwekhwe, urhawuzelelwe ingekho nendlela yokukunyanga.

28 UNdikhoyo uya kukubetha ngogezo, ubumfama, nobuthwanga-thwanga.

29 Uya kuba ngathi uyimfama, uphampathe ngoku ilanga lihlab' umhlaba. Kuyo yonke into oyenzayo akuyi kuba nampumelelo. Uya kuba sisisulu sengcinezelo, uphangwe, kungekho bani ungakuncedayo.

30 “Noba sewulobola intombi, kovela mntu wumbi ayixhaphaze. Noba sowusakha indlu, soze uyihlale. Uya kuba ngatyala isidiliya, ungacholi naphantsi kuso.

31 Nenkomo yakho iya kuxhelwa ujongile, kodwa ungakhothi naphantsi kuloo nyama. Idonki yakho iya kuthinjwa ubukele, ungaze ubuye uyibone. Iigusha zakho ziya kunikelwa ezintshabeni, kungabikho namntu ungakuncedayo.

32 Oonyana neentombi zakho ziya kunikezelwa kwezinye iintlanga ujongile. Uya kutyabuk' amehlo ujong' enkalweni, ulindele ukubuya kwabantwana bakho, kungekho nto unokuyenza.

33 Kuya kuvela uhlanga ongalwaziyo, lufike luvune izilimo zakho obulalekileyo ngazo, ke wena into oya kuyizuza yingcinezelo nentshutshiso engaphele ndawo.

34 Ububi obubonayo buya kukubetha utsho ube ligeza.

35 UNdikhoyo uya kukubetha ngamathumba anganyangekiyo emadolweni nasemilenzeni, athi tshitshilili ukusuka entloko kuye kuthi xhaxhe ngeenyawo.

36 “Wena, ngokunjalo nokumkani ommiseleyo, uNdikhoyo uya kunithatha anise kwilizwe eningalaziyo, elingazange laziwa nangooyihlo-mkhulu. Apho ke uya kunqula *thixo bambi abenziwe ngomthi, ngokunjalo nabamatye.

37 Kwezo zizwe akusasaze kuzo uNdikhoyo abantu baya kukuthela nqa, ube yintlekisa nondaba-mlonyeni.

38 “Uya kuthi ngoku ubuhlwayele kakhulu uvune into engekhoyo. Kaloku isivuno sakho siya kunqunquthwa ziinkumbi.

39 Uya kuba ngatyala isidiliya usihlakule usilungise, ungazuzi diliya nawayini, kuba kaloku siya kungenelwa ngurhuxeshe.

40 Umnquma uya kubakho kuyo yonke indawo kwelo lizwe, kodwa wena ungabi nawo amafutha okuthambisa, kuba umnquma lowo uya kuvuthuluka.

41 Oonyana neentombi uya kuba nabo nje ngegama, kuba baya kuthinjwa.

42 Imithi yakho yeziqhamo, ngokunjalo nezilimo, ziya kunqunquthwa yinkumbi.

43 “Abangeneleli belakowenu baya kubalasela baye beqaqamba ngokuqaqamba, ke nina niye nidodobala ngokudodobala.

44 Baya kubolekisa kuwe, ube ke wena ungenanto yakubolekisa. Ekugqibeleni ke baya kuba ziinkokheli, wena ube ngumlandeli.

45 “Zonke ke ezi ziqalekiso ziya kukujikeleza zide zikufumane, zikuvuthulule uphele, ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, ungayenzanga imiyalelo nemimiselo endikunike yona.

46 Ziya kuba ngumqondiso nesimanga kuwe nakwisizukulwana sakho kude kube nini-nini.

47 “Nakuba uNdikhoyo uThixo wakho wakusikelela ngeendlela zonke nje, akuvumanga ukumnqula ngokuthakazela ngexesha lentlutha.

48 Ngoko ke uya kubusa iintshaba akuthumele ngazo uNdikhoyo. Uya kucikidwa yindlala, unxano, nobuze, naziindidi ngeendidi zeentswelo. Uya kukukhama ngedyokhwe yentsimbi ude utshabalale.

49 UNdikhoyo uya kukuthumela ngohlanga oluvela kwelikude eziphelweni zehlabathi, abantu abantetho ungayivayo; bona ke baya kukurhewula njengokhozi.

50 Olu ke iya kuba luhlanga olungwanyalala, olungakhathalele mntu mdala, lungenanceba nasemntwaneni.

51 Iinkomo nesivuno sakho siya kuba lilifa labo, ube ke ubulawa yindlala. Aba bantu baya kutshayela konke nje: ingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, inkomo nenzala yayo, ngokunjalo negusha; ke wena ude utshabalale.

52 Baya kuzihlasela bazingqinge zonke iidolophu zelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho, nezo ndonga zinde ukholosa ngazo ziya kudilika zifadalale.

53 “Xa sezikungqingile iintshaba zakho uya kuxineka ucikideke yindlala kangangokuba ude utye nabantwana bakho obaphiwe nguNdikhoyo uThixo wakho.

54-55 Nditsho namadoda aphucukileyo anesisa ngelo thuba aya kuphalala ebethwa yindlala, kangangokuba ade atye abantwana bawo. Indoda iya kuvimba nomntakwayo, nomfazi wayo oyintanda, nditsho nowokugqibela osekhoyo kubantwana bayo.

56-57 Kwanomfazi ozitshoyo, intokazi esisigcodololo esichula ukunyathela, naye uya kuziphatha kwangolo hlobo. Luya kuthi lwakuningqinga utshaba acikidwe liphango, aphalale kangangokuba ade atye nosana agqib' ukulizala, ngokunjalo nomkhaya lowo, yonke ke le nto eyiba. Ewe, uya kude avimbe nendoda le yakhe yebhongo; asisathethi ke ngabantwana bakhe.

58 “Ukuba akuyithobelanga ngenyameko imfundiso yalo mthetho ubhalwe kule ncwadi, ukuba uthe awalihlonipha eli gama lizukileyo linobuqaqawuli likaNdikhoyo uThixo wakho,

59 wena ngokunjalo nenzala yakho úya kunibetha ngezithwakumbe ezingaqhelekanga nezingaphele ndawo, nezifo ezoyikekayo ezingeva yeza.

60 Uya kukuzisela ezaa zifo zaseJiputa wawuzoyika kunene, zaye ke zona ziya kunamathela kuwe.

61 “Ngaphezu koku uNdikhoyo uya kukuthumela ngazo zonke iindidi zezifo nezithwakumbe, nditsho nezo zingaxelwanga kule ncwadi yomthetho; ke zona ziya kukutshabalalisa.

62 Nokuba nande nada nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, liqaqobana nje eliya kusinda, kuba kaloku ningamthobelanga uNdikhoyo uThixo wenu.

63 Kwanjengokuba uNdikhoyo wayenemihlali ngani waza waninika inkqubela wanandisa, kuya kuba kwanjalo ukunivuthulula nokunitshabalalisa kwakhe. Niya kuncothulwa nifuduswe kweli lizwe ningena kulo ngoku.

64 “UNdikhoyo uya kukusasaza ezizweni jikelele, ehlabathini liphela, apho ke uya kunqula *oothixo abenziwe ngomthi nabenziwe ngamatye, thixo abo ungazange ubanqule ngaphambili, bengazange banqulwa ngooyihlo-mkhulu.

65 Soze ufumane nzolo naphi naphi, ungasoze ufumane nandawo yakuphumla. UNdikhoyo uya kukubetha ngonxunguphalo, ukuphalala, nokuncama.

66 Ubomi bakho buya kuhlala busemngciphekweni. Imini nobusuku uya kuhlala ududa luloyiko, usoloko uxhalele ukufa.

67 Uya kuba liphakuphaku ngenxa yobubi obubonayo. Kuya kuthi kwakuba kusasa uthi: ‘Akwaba belitshona,’ uthi ke lakutshona: ‘Akwaba beliphuma.’

68 UNdikhoyo uya kukubuyisela eJiputa ngeenqanawa, nangona nje ndandithe soze uphinde ubuyele khona. Apho ke uya kuzama ukuzithengisa kwiintshaba zakho, kodwa ke akukho bani uya kuze akuthenge.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34