Uhlaziyo-Mnqophiso 30 XHO96

Intsikelelo yokubuyela kuNdikhoyo

1 “Zakuba zifikile zonke ezi ntsikelelo endikuxelele ngazo, zaza zakuhlela neziqalekiso, kungenzeka ukuba uzithathele ingqalelo naphi na apho uNdikhoyo uThixo wakho athe wakusasaza khona phakathi kweentlanga.

2 Kwakuba njalo ke, wena nabantwana bakho buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele ngomxhelo wonke, nangomoya wenu uphela, ngokwale miyalelo ndikunika yona namhlanje.

3 Wosuka ke yena uNdikhoyo uThixo wakho abe nemfesane ngakuwe, akubuyisele ubuncwane bakho. Uya kuniqokelela anibuyise kuloo mazwe anisasaze kuwo.

4 Noba ningade nibe nisarhake naya kutsho empelazwe, yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kuniqokelela anibuyise,

5 khon' ukuze anibuyisele kumhlaba wooyihlo, ube ngowenu. Ngelo thuba uya kunithi jize ngengayiwayo yona inkqubela, futhi anandise ngokuthe kratya kooyihlo-mkhulu.

6 UNdikhoyo uThixo wakho uya kuyalùsa intliziyo yakho neentliziyo zabazukulwana bakho, khon' ukuze nimthande ngomxhelo wonke nomoya uphela, nidle ubomi.

7 Ke zona ezi ziqalekiso uya kubetha ngazo iintshaba zakho, ezo zazikutshutshisa,

8 wena ke ubuyele ekumthobeleni nasekugcineni le miyalelo ndikunika yona namhlanje.

9 UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

10 Kambe ke kofuneka nilithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wenu, nenze ngokwale miyalelo nale mimiselo ibhalwe apha kule ncwadi yomthetho wakhe. Ngenene kofuneka nibuyele kuye ngomxhelo wenu uphela.

11 “Lo myalelo ndininika wona namhlanje ke, awunzima kakhulu, futhi ungekho ngaphaya kwamandla enu.

12 Awukho phezulu esibhakabhakeni, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kunyuka aye esibhakabhakeni asithobele wona uze kuthi, khon' ukuze sibe nokuwuva siwenze?’

13 Kwangokunjalo awukho ngaphesheya kolwandle, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kuwela ulwandle, awuthathe awusondeze kuthi, ukuze siwuve siwenze?’

14 Hayi khona, nakanye! Kaloku lo myalelo awukude kuwe: uthetha ngawo qho, uyawuthanda, uwuthobela nokuwuthobela.

15 “Uyabona ke, zikhethele namhlanje; bukho ubomi nokuhle, ngokunjalo nokufa nobubi.

16 Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.

17 “Kambe ke ukuba uthe wajika, wala ukuphulaphula, wawexulwa ngabanye *oothixo, wakhahlela kubo, wabanqula,

18 ndiyakuxelela ngayo yona le mini ukuba inene uya kutshabalala. Awuyi kuba nabomi bude kwelo lizwe liphesheya kweJordan ungenela ukuya kuma kulo ngoku.

19 Amazulu nehlabathi ayangqina namhlanje ukuba ndithi khetha phakathi kobomi nokufa, naphakathi kweentsikelelo neziqalekiso. Kambe ke ndithi kheth' ubomi, khon' ukuze uphile, wena nenzala yakho.

20 Mthande uNdikhoyo uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, uthi nca kuye. Kaloku nguye okunika ubomi noya kukolulela iminyaka kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34