Uhlaziyo-Mnqophiso 9 XHO96

Iinkani zamaSirayeli

1 “Niyabona ke, maSirayeli, seniza kuwela iJordan, ningene kwilizwe elimiwe zezinye izizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani. Izixeko zazo zikhulu, futhi zibiyelwe ngeendonga ezirhec' izulu.

2 Nabantu bakhona bade, bomelele, bayinzala ka-Anaki, ibe ke niyazi ukuba kuthiwa akukho mntu unokumelana nama-Anaki.

3 Kambe ke nina niza kuzibonela ngokwenu, kuba *uNdikhoyo uThixo wenu uza kunandulela engumlilo odangazelayo. Ezo zizwe úya kuzoyisa azithobe, nize nina nizigxothe nizitshabalalise ngokukhawuleza ngokwesithembiso sakhe.

4 “Xa uNdikhoyo uThixo wenu selenigxothele ezi zizwe, ze ningacingi ukuba nifanelekile. Hayi, akunjalo, nto nje uNdikhoyo ezigxotha nje ezi zizwe kungenxa yenkohlakalo yazo.

5 Isizathu asikuba nina nilungile, nigqibelele, le nto uNdikhoyo anivumeleyo nawuthatha umhlaba yazo, nangenxa yokuba ezimisele ukusigcina isithembiso awayesenze nooyihlo-mkhulu ooAbraham, uIsake, noYakobi, ngokufunga.

6 Ngenene mayicace mhlophe into yokuba uNdikhoyo uThixo wenu eninika eli lizwe lihle kangaka nje akukho ngenxa yobulungisa benu, kuba kambe nina nisisizwe esineenkani.

7 “Nokhumbula kaloku ukuba nina namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu entlango. Ukusukela kwimini enemka ngayo eJiputa nada naza kufika apha, namvukela okokoko.

8 Nakwintaba iHorebhe namcaphukisa, wada waphantse wanitshabalalisa uNdikhoyo.

9 Ndenyuka entabeni, ndisiya kuphuthuma amacwecwe amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso awenze nani uNdikhoyo. Ndahlala apho ke amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli.

10 UNdikhoyo ke wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayeyibhale khona ngesakhe isandla yonke into awayithethayo apho entabeni ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo.

11 Ewe, emveni kwezo ntsuku zimashumi mane nobusuku bazo, uNdikhoyo wandinika amacwecwe amabini amatye apho wayewubhale khona umnqophiso.

12 “Ke kaloku uNdikhoyo wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba abantu bakho owabakhokela uphuma nabo eJiputa bonile. Ngokukhawuleza nje sebephumile endleleni endabayalela yona; ngoku bazenzele umfanekiso otyhidiweyo.’

13 “UNdikhoyo wathi: ‘Ndiyabazi aba bantu ukuba neenkani kwabo.

14 Ngoko ke ndiyeke ndibatshabalalise nya, ndilicime igama labo ehlabathini. Ke wena ndiya kukwenza ube sisizwe esikhulu nesomeleleyo kunabo.’

15 “Ngoko ke ndehla apho entabeni, ndiphethe loo macwecwe mabini amatye apho wawubhalwe khona umnqophiso. Ke kaloku intaba leyo yayidangazela umlilo.

16 Ndathi ndakukhangela ndabona ukuba nimvukele uNdikhoyo uThixo wenu; nonile nazityhidela umfanekiso wenkunzi yenkomo; ewe, ngokukhawuleza nje seniphumile endleleni enaniyalelwe yona nguNdikhoyo.

17 Ngoko ke ndawathatha loo macwecwe, ndawaphosa phantsi apho phambi kwenu, ophuka aba ziingceba.

18 “Kwakhona ke ndazikhahlela phantsi phambi koNdikhoyo amashumi amane eentsuku nobusuku bazo, ndingatyi ndingaseli. Le nto ke ndayenza kuba nina nanimonile kakhulu namcaphukisa ngobubi enabenzayo uNdikhoyo.

19 Ndandisoyika gqitha, kuba uNdikhoyo wayekhathazekile, ecaphuka kangangokuba waphantse wanitshabalalisa. Kambe ke nangeso isihlandlo uNdikhoyo wandiphulaphula.

20 UNdikhoyo wayecatshukiswe kakhulu nanguAron, yaye ke naye wayeseza kumtshabalalisa, koko ke naye ndamthandazela kwangelo thuba.

21 Lona ke elo sikizi nanizenzele lona – nditsho loo nkunzi yenkomo nanizityhidele yona – ndayithatha ndayiphosa emlilweni. Ndaza ke kamva ndayikroboza ndayicola yangumgubo, ndaza ndawugalela kumlanjana owawuphuma apho entabeni.

22 “Kaloku naseTabhera, eMasa, naseKibroti-hatava namcaphukisa uNdikhoyo uThixo wenu.

23 NaseKadeshe-bhaneya wathi akuniyalela ukuba ningene niwuthathe loo mhlaba wayenipha wona namvukela, anakholosa ngaye nimthobele.

24 Okoko ndanaziyo mna nasoloko nivukelana naye uNdikhoyo.

25 Ewe, kuloo mashumi mane eentsuku ndahlala ndizikhahlele phantsi phambi koNdikhoyo, kuba ndandisazi ukuba seletshilo ukuthi uza kunitshabalalisa.

26 Ndadanduluka ndathi: ‘Awu, Ndikhoyo, Nkosi yam! Ndiyakubongoza, musa ukubatshabalalisa abantu abalibango lakho, owabahlangula wabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa.

27 Khawukhumbule izicaka zakho, ooAbraham, uIsake, noYakobi, ungabasi so aba bantu baneenkani, bazizikhohlakali ezigwenxa,

28 okanye amaJiputa osuka athi: “UNdikhoyo wayengenako ukubathatha abantu bakhe abase kwelo lizwe wayebathembise ngalo. Kungenxa yokuba ebathiyile ukuze emke nabo aye kubaphosa entlango, khon' ukuze ababulale khona.”

29 Andithi na kaloku, Nikhoyo, aba ngabantu abalibango lakho, abantu bakho ncakasana, owabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa?’ ”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34