Uhlaziyo-Mnqophiso 11 XHO96

Ubungangamsha bukaNdikhoyo

1 “Ngoko ke uze umthande uNdikhoyo uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, nemigaqo nemiyalelo yakhe, nanini nanini.

2 Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe,

3 nemiqondiso yakhe. Uzibonele ngokwakho izinto azenzileyo kukumkani wamaJiputa nelizwe lakhe liphela.

4 Andithi na kaloku uyibonile indlela awuvuthulule ngayo umkhosi wamaJiputa ndawonye neenqwelo zawo zamahashe, xa wawunisukelisa, waza yena wawukhukulisa kuLwandle oluBomvu, nto leyo eyabatshabalalisa nya.

5 Ngokunjalo yaziwa nini indlela anilondoloze ngayo entlango nada naza kufika kule ndawo.

6 Nisazikhumbula izigigaba azenzileyo kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi wendlu kaRubhen. Kaloku umhlaba wakhamisa wabaginya behleli, ndawonye neentsapho zabo, iintente zabo, nemfuyo yabo; yonke ke loo nto isenzeka amaSirayeli onke ekhangele.

7 Ewe, ngenene nazibonela ngawenu amehlo zonke ezi zigigaba azenzileyo uNdikhoyo.”

Uyolo lwezwe ledinga

8 “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininike yona namhlanje. Xa niyenzile loo nto noba nawo amandla, niwele iJordan, ningene nilithathe elo lizwe niya kulo, libe lelenu.

9 Niya kuzinza kwelo lizwe lendyebo wayebathembise ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo-mkhulu ndawonye nenzala yabo.

10 Kaloku eli lizwe niza kuma kulo alifani nelaseJiputa apho nivela khona. Kaloku apho nanihlwayela imbewu, nisebenza nzima ninkcenkceshela oku komntu onesitiya;

11 kambe ke lona eli lizwe niza kungena kulo ngumhlaba weentaba neentili, ilizwe lemvula.

12 Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu eli lizwe ulikhathalele; ewe, uhlala elalusile unyaka wonke.

13 “Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke.

14 Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma;

15 ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’

16 “Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi.

17 Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.

18 “Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo.

19 Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo.

20 Ze niwakrole emgubasini wezindlu, ngokunjalo nasemasangweni enu.

21 Xa niyenzile ke loo nto, nozinza, nina nenzala yenu, kwelo lizwe wayebathembise ngalo oyihlo-mkhulu ngesifungo uNdikhoyo uThixo wenu. Ewe, niya kuma kulo nanini nanini sisekho nje isibhakabhaka phezu kwehlabathi.

22 “Le miyalelo ndininike yona ze niyithobele ngenyameko; ze nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nibambelele kuye, nihambe ngendlela yakhe.

23 Ke yena ekungeneni kwenu uya kuzidudula azigxothe zonke ezo zizwe, nize ke nina nohluthe umhlaba wezizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani.

24 Uya kuba ngowenu wonke umhlaba enithe nanyathela kuwo. Imida yenu iya kusuka ezantsi entlango ityhutyhumeze iyokutsho kwiintaba zeLebhanon ngasentla; empuma iya kuthatha kumlambo iEfrati iyokuthi xhaxhe ngolwandle ngasentshonalanga.

25 Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.

26 “Niyabona ke, ndithi khethani, kuba namhlanje ndibeka phambi kwenu ithamsanqa nesiqalekiso.

27 Yoba lithamsanqa ukuba niyayithobela le miyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu ndininika yona namhlanje,

28 kambe ke yoba sisiqalekiso ukuba nithe anayithobela, koko natyekela bucala nanqula thixo bambi eningazange nabanqula ngaphambili.

29 Akuba enifikisile uNdikhoyo uThixo wenu kweli lizwe niya kuma kulo, ze nithamsanqele phezu kwentaba iGerizim kanti ke niqalekise phezu kwentaba iEbhali.

30 Ezi ntaba zimbini zisentshona kumlambo iJordan, kummandla wamaKanana ame kwintili yeJordan. Zingasentshona kude kufuphi nemioki yaseMore ngaseGiligali.

31 Sekumbomvu niyiwele iJordan, ningene kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu. Nakuba ningenile nema kulo ke,

32 ze nincede niyithobele ngenyameko le mimiselo nale migaqo ndininike yona namhlanje.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34