Uhlaziyo-Mnqophiso 4 XHO96

Intobeko elindeleke kuSirayeli

1 UMosis wawayala amaSirayeli, wathi: “Le mimiselo ndinifundisa yona yithobeleni, khon' ukuze niphile, nibe nako ukungena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wookhokho benu.

2 Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.

3 Nazibonela ngokwenu into awayenzayo uNdikhoyo eBhali-pehore. Wabatshabalalisa bonke ababenqula uBhali wasePehore,

4 kambe ke nina enanibambelele kuNdikhoyo uThixo wenu nisekho unanamhla.

5 “Niyabona ke, ndinifundise yonke imimiselo nemigaqo ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wam, khon' ukuze niyithobele nakulizuza elo lizwe niza kungena kulo.

6 Yithobeleni niyigcine, zize ezinye izizwe ziniqonde ukuba ninobulumko nengqiqo. Zakuva ngale mimiselo ziya kutsho ukuthi: ‘Hayi, ukulumka nokuba nengqiqo kolu hlanga olukhulu!’

7 Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza?

8 Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje?

9 Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana

10 ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’

11 “Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni.

12 UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela.

13 Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.

14 UNdikhoyo wandiyala ukuba ze ndinifundise imimiselo nemigaqo eniya kuyithobela kwelo niwelela kulo ukuba nilimé.”

Isilumkiso ngonqulo-zithixo

15 “Xa *uNdikhoyo wayethetha nani eselangatyeni lomlilo kwintaba iHorebhe, zange nisibone isiqu sakhe. Ncedani ke nizigcine,

16 ningaze none ngokuziqingqela umfanekiso, noba uluhlobo luni na, noba yindoda okanye umfazi,

17 isilwanyana okanye intaka,

18 into erhubuluzayo noba yintlanzi.

19 Ningaze nilingeke nizinqule nizibuse izinto enizibona esibhakabhakeni: ilanga, inyanga, neenkwenkwezi. UNdikhoyo uThixo wenu ezi zinto uziyekele ezinye izizwe ukuba zizinqule.

20 Ke nina ningabantu uNdikhoyo abahlangule eJiputa kwiziko lomlilo. Wanikhupha apho, khon' ukuze anenze abantu bakhe ncakasana njengokuba kunjalo namhlanje.

21 “Ngenxa yenu uNdikhoyo uThixo wenu waxabana nam, wafunga ukuba andiyi kuwuwela umlambo iJordan ndilibone ilizwe lendyebo aninika lona.

22 Ngoko ke mna andizukuwuwela umlambo, koko ndiza kufela apha, kodwa ke nina seniza kuwela niye kuma kwelo lizwe lendyebo.

23 Zigcineni kunene, ningaze niwulibale umnqophiso ophakathi kwenu noNdikhoyo uThixo wenu, nisuke niwugqithe umyalelo wakhe, niziqingqele umfanekiso noba ngowantoni na.

24 Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ngumlilo olenyayo; unguThixo onekhwele.

25 “Naxa senaluphele kwelo lizwe, senide nanabantwana nabazukulwana, ukuba nithe nona ngokuziqingqela umfanekiso, noba ngoluhlobo luni na, nenza okubi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, niyamcaphukisa.

26 Ke ngoko namhlanje izulu nomhlaba ngamangqina am: ukuba nithe nenjenjalo niya kukhawuleza ningabikho kwelo lizwe. Aniyi kuhlala thuba lide phaya phesheya kweJordan, kweli lizwe niya kulo ngoku. Niya kutshatyalaliswa niphele tu.

27 UNdikhoyo uya kunisarhaza phakathi kwezizwe apho kuya kusinda iqaqobana nje kuni.

28 Apho ke niya kunqula *oothixo abenziwe ngabantu, abenziwe ngomthi, nangamatye: oothixo abangaboniyo, abangevayo, abangatyiyo, bengajoji nokujoja.

29 Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.

30 Niya kuthi kamva nakuba sengxakini zibe zinihlele zonke ezi zinto, nitsho nibuyele kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele.

31 Yena unguThixo onemfesane. Akayi kunilahla kuphele, okanye anitshabalalise; ewe, akayi kuwulibala umnqophiso awawenza ngokwakhe nookhokho benu.”

NguNdikhoyo yedwa uThixo

32 “Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale?

33 Ngaba sikho na isizwe esakha seva uThixo ethetha naso eselangatyeni lomlilo, saza saphila, njengani?

34 Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.

35 “UNdikhoyo unibonisile zonke ezi zinto, khon' ukuze niqonde ukuba akukho wumbi, nguye yedwa uThixo.

36 Wahlokomisa ilizwi lakhe emazulwini kuba eniqeqesha. Nathi nilapha emhlabeni wanibonisa umlilokazi wakhe, waza wathetha nani elapho kuwo.

37 Wathi ngenxa yokubathanda ookhokho benu waninyula wanikhupha kwelaseJiputa ngamandla akhe angummangaliso nangobukho bakhe,

38 waza wagxotha izizwe ezikhulu nezinamandla kunani, khon' ukuze aningenise kwimihlaba yazo, mihlaba leyo iseyeyenu unanamhla.

39 “Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.

40 Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.”

Iidolophu zokuphephela phesheya kweJordan

41 UMosis ke wakhetha iidolophu zantathu ngaphesheya empuma yeJordan,

42 apho umntu wayengaphephela khona, ukuze asinde xa ebulele umntu ongelotshaba lwakhe ngengozi. Xa ebalekele kwezi dolophu wayengenakubulawa.

43 Indlu kaRhubhen wayinika idolophu yaseBhezere kweso sithabazi sentlango; indlu kaGadi yona wayinika iRamoti kwelaseGiliyadi; waza ke yona indlu kaManase wayinika iGolani eBhashan.

Isingeniso somthetho kaThixo

44-46 Ke kaloku uMosis wawandlala phambi kwamaSirayeli umthetho kaThixo, ewakhumbuza ngazo zonke izicwangciso nemimiselo nemigaqo yakhe. Kwakusemva kokuphuma kwawo eJiputa, xa ayekuloo ntili iphesheya kweJordan, malunga neBhete-pehore. Apha ke kwakukummandla owawukade ungokaSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon. Kaloku uMosis namaSirayeli amoyisa ukuphuma kwabo eJiputa.

47 Bema emhlabeni wakhe, ngokunjalo nakokaOgi ukumkani waseBhashan phesheya kweJordan, owayengomnye wookumkani ababini aba bama-Amori.

48 Lo mhlaba ke wawusuka eArure ekungeneni komlambo iAnoni, ugongothe unyuke uyokutsho kwintaba iSiriyon (okanye intaba iHermon).

49 Kwangokunjalo wawuthatha nengingqi ephesheya kweJordan uhle uyokutsho kuLwandle oluFileyo, empuma uyokurheca amazantsi entaba iPisga.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34