Uhlaziyo-Mnqophiso 8 XHO96

Ilizwe elihle

1 “Niyabona ke, le miyalelo ndininike yona namhlanje ze niyithobele kangangoko, khon' ukuze niphile nande, ningene kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo.

2 Ngamana aningeyilibali indlela anikhokele ngayo uNdikhoyo uThixo wenu kolu hambo lude kangaka ukucanda intlango, kula mashumi mane eminyaka, enifundisa intobeko, enilinga khon' ukuze aqonde ukuba niza kuyithobela kusini na imiyalelo yakhe!

3 Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha *imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.

4 Kula mashumi mane eminyaka impahla yakho yokunxiba zange iguge, kananjalo neenyawo zakho zange zidumbe.

5 “Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe.

6 Ngoko ke yithobeleni imiyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe, nimhlonele.

7 Kaloku ngoku uNdikhoyo uThixo wenu uningenisa kwilizwe elihle kunene, ilizwe lemifula ebaleka amanzi, ilizwe elinemithombo, ilizwe eligqabhuka imisinga yamanzi ezintlanjeni nasezindulini.

8 Lilizwe lengqolowa, irhasi, iidiliya, amakhiwane, iirharnati, amafutha omnquma, nobusi.

9 Elo ke lilizwe lentlutha; soze niswele nto khona. Ilitye lakhona liyintsimbi, ukanti kwiinduli zalo ningavula imigodi yekopolo.

10 Kwelo lizwe niya kutya nihluthe, nibulele nidomboze kuNdikhoyo uThixo wenu ngenxa yelo lizwe lihle kunene aniphe lona.”

Isilumkiso

11 “Niyabona ke ze ningamlibali *uNdikhoyo uThixo wenu ngokuthi ningayithobeli le miyalelo, nale migaqo, ngokunjalo nale mimiselo ndininika yona namhlanje.

12 Xa senixhamla intlala-kahle, ninayo yonke into eniyifunayo, senizakhele izindlu ezintle,

13 nemfuyo yenu isanda ngokunjalo nesiliva negolide nako konke eninako kuvumile,

14 ze ningakhukhumali, nimlibale uNdikhoyo uThixo wenu owanihlangula ebukhobokeni kwelaseJiputa.

15 Kaloku yena wanikhokela kweso sithabazi sentlango eyoyikekayo, apho kwakukho iinyoka ezinobuhlungu ndawonye noonomadudwane. Apho kanye kuloo nkangala ingenamanzi wanivelisela amanzi eliweni lenyengane.

16 Kaloku apho entlango wanondla *ngemana, ukutya okwakungaziwa, kungazange kutyiwe nangooyihlo-mkhulu. Wanithoba ngokunilinga ngezo meko zinjalo, khon' ukuze ekugqibeleni anithamsanqele ngezinto ezintle!

17 Nisenokuthetha nithi: ‘Obu butyebi sibufumene ngamandla nangobuchule bethu.’

18 Ngokutsho noba nilibele ukuba nguNdikhoyo uThixo wenu onithe jize ngobutyebi. Le nto ke uyenza kuba ezinzisa umnqophiso awawenzayo nooyihlo-mkhulu ngesifungo.

19 “Mhlenikwezeni namlibala uNdikhoyo uThixo wenu, nalandela thixo bambi, nabahlonela nabakhonza, inene namhlanje mna ndiyalingqinela elithi niya kutshabalala niphele tu!

20 Ke kaloku, ukuba animthobelanga uNdikhoyo, uya kunitshabalalisa, kwanjengokuba eza kuzitshabalalisa ezo zizwe ukungena kwenu kwelo lizwe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34