15 Emva kwedabi uYoshuwa nomkhosi wakhe babuyela esikhululweni eGiligali.
16 Ookumkani bama-Amori baphuncula bobahlanu, baya kuzimela emqolombeni eMakeda.
17 Babhaqwa, waza waxelelwa apho bakhoyo uYoshuwa.
18 Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda.
19 Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.”
20 Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda.
21 Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.