1 Ukumkani uJabhin waseHazore uthe akuva ngeziqwenga ezazisenziwa ngamaSirayeli, wathumela isigidimi kukumkani uJobhabhi waseMadon nakwiikumkani zaseShimron naseAkeshafi,
2 nakwiikumkani ezazikweleentaba emantla, eJordan kwintili esemzantsi woLwandle lwaseGalili, emazantsi eentaba, nakunxweme lwangaseDore.
3 Wasithumela nakumaKanana aphahle iJordan, kuma-Amori, kumaHeti, kumaPerezi, nakumaJebhusi kweleenduli, kwanakumaHivi awayemi phantsi kwentaba iHermon kummandla waseMizpa.
4 Ezo kumkani zeza nemikhosi yazo yonke, inyambalala yamajoni esith' ilanga, ekwanjalo namahashe neenqwelo ubuninzi.
5 Zahlanganisa imikhosi yazo ezo kumkani, zaya kugxumeka iintente ngakumlanjana iMerom, zilungele ukulwa namaSirayeli.
6 *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uzungaboyiki wena. Ngeli xesha ngomso ndoba sendiwancedile amaSirayeli ukubabulala bonke. Kufuneka amahashe abo niwatshece imisipha, nezo nqwelo zabo nizintumeke umlilo.”
7 Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom.