20 *UNdikhoyo wazinika isibindi sokulwa namaSirayeli, khon' ukuze zitshatyalaliswe ziphele tu kungekho lusizi. Yayingumyalelo kaNdikhoyo lowo kuMosis.
21 Ngelo xesha uYoshuwa waya kutshabalalisa ama-Anaki ahlala kweleenduli eHebron, eDebhiri, eAnabhi, nakuzo zonke iinduli zakwaJuda nakwaSirayeli. Wawatshabalalisa kunye nezixeko zawo zonke uYoshuwa.
22 KwaSirayeli akuzange kusinde namnye umntu wesizwe sama-Anaki. Babekho kambe abasindayo eGaza, eGati, naseAshdode.
23 Wawuthimba wonke loo mhlaba uYoshuwa ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis. Wawunika amaSirayeli ukuba bawume, libe lilifa lawo, khon' ukuze isizwe ngasinye sifumane indawo yaso.Kwabakho uxolo elizweni.