1 AmaSirayeli ayesele oyisa awuthimba nomhlaba ongasempumalanga yeJordan, ukususa kuloo ngingqi yeAnon, kunyuse loo ntili yeJordan, kuye kutsho kwintaba iHermon.
2 Owokuqala ukumkani owoyiswayo yaba nguSihon umAmori owayelawula ummandla waseHeshbhon. Icala leGiliyadi laliphantsi kwakhe, ukususela eArure (engakumlambo iAnon) nasembindini wengingqi leyo, ukwenjenjeya ukusa eJabhoko (engumda welama-Amon).
3 Intili yeJordan ukususela kuLwandle lwaseGalili nayo yayikwalapho, ukusa ezantsi eBhete-yeshimoti (engasempumalanga yoLwandle oluFileyo) kwenjenjeya kuse emazantsi entaba iPisga.
4 Woyiswa naye ukumkani uOgi waseBhashan owayengowokugqibela kumaRafa. Wayephethe iAshtaroti kunye ne-Edreyi.