1 Mhlenikweni uYoshuwa wayeselaluphele kakhulu, *uNdikhoyo wathi kuye: “Sewumdala kakhulu ngoku, Yoshuwa, ukanti umhlaba ekusafuneka uthinjwe usemkhulu.
2-3 Yiyo le imimandla esaseleyo:ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala eGaza naseAshdode, eAshkelon, eGati, nase-Ekron);ummandla wamaGeshure (ekudla ngokuthiwa ngowamaKanana, usuka ngakwintlambo iShihore ngakwimida yeJiputa, kuse emantla kwimida yase-Ekron);ummandla wama-Avi;
4 ummandla wamaKanana ongasezantsi kwakunye neMeyara (engumhlaba wamaSidon), kuse eAfeka ngakwimida yama-Amori;
5 elamaGebhali kunye neLebhanon iphela ukubheka ngasentshona ukususela eBhali-gadi esemzantsi wentaba iHermon, kuse kuloo nkalo yeHamati;
6-7 wonke ummandla wamaSidon ahlala kweleentaba phakathi kweentaba zaseLebhanon neMisefoti-mayim.“Bonke abemi balapho ndobakhupha apho ukufika kwamaSirayeli. Loo mhlaba uzuwabele amaSirayeli kanye ngalaa ndlela bendikuxelele yona, ube lilifa lezizwe ezilithoba kunye nesiqingatha sakwaManase.”