1 Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli.
2 Umhlaba olilifa lezizwe ezilithoba elinesiqingatha wasikwa ngokwenza *amaqashiso ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuMosis.
3-4 Umhlaba ongasempumalanga kweJordan uMosis wayeselewabele izizwe ezibini ezinesiqingatha. (Inzala kaJosefu yayizizizwe ezibini: esakwaManase nesakwaEfrayim.) Kambe ke abaLevi bona uMosis akazange ababele mhlaba. Ndaweni yaloo nto babelwa izixeko bahlala kuzo, kunye namadlelo empahla.
5 AmaSirayeli awaba loo mhlaba kanye ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.