42-44 Kanti ke kwakukho nezinye izixeko ezilithoba ezazingqongwe ziilali: iLibhena, iEtere, iAshan, i-Ifeta, iAshna, iNezibhi, iKeyila, iAkezibhi, kunye neMaresha.
45 IEkron yayingqongwe zizixeko kunye neelali,
46 kukho nezinye izixeko neelali ngaseAshdode, ukusuka e-Ekron kuse elwandle.
47 Yayikwalapho iAshdode kunye neGaza kwanezixeko neelali zazo, zithe thande de kuye kuthi xhaxhe kwintlambo ekuthiwa yeyeJiputa nakunxweme lolwandle.
48 Izixeko zeleentaba yayiyiShamire, iYatire, iSoko,
49 neDana, iKiriyati-sana (okanye iDebhiri),
50 iAnabhi, iEshtemo, kunye neAnim,