6 unyuke ubheke ngaseBhete-hogela, ubheke entla eBhete-arabha. Wawusuka apho unyukele kwiLitye likaBhohan (uBhohan ngunyana kaRubhen),
7 usuke ngakwintili yeAkore, unyukele eDebhiri, uze ujike ujonge emantla ngaseGiligali. IGiligali le yayijonge inkalo yeAdumim esemazantsi omfula lowo. Wawugqithela kwimithombo yase-En-shemeshe, wenjenjeya ukuya e-En-rogele,
8 uze unyuke utyhutyhe intili yoonyana bakaHinom esethambekeni lenduli ekwakumi kuyo isixeko samaJebhusi (yiJerusalem ke leyo), usuke apho unyuse intaba, utsho encotsheni ngakwicala langasentshona lentili iHinom ngasentla kumaphethelo entili yamaRafa.
9 Usuka apho usinge emthonjeni waseNefetowa, ugqithele kwizixeko ezingakwintaba iEfron. Uyajika apho, ubheke ngaseBhala (oko kukuthi iKiriyati-yarim),
10 apho ujikela ngasentshonalanga yeBhala, ujonge kwintaba iSeyire, uphume kwicala elingasentla lentaba iYarim (oko kukuthi iKesalon), uhle uye eBhete-shemeshe, ugqithele eTimna.
11 Lo mda wawunyuka uye kwinduli engasentla kwe-Ekron, ujike ujonge eShikeron, udlule intaba iBhala, wenjenjeya ukusinga eYabheneli. Wawuhamba uyokuma ngolwandle
12 olwalungumda wangasentshonalanga.Ngaphakathi kwale mida kwakuhlala abantu bezindlu zikaJuda.