1 Umda ongezantsi womhlaba owabelwa inzala kaJosefu wawuqala eJordan kufuphi neJeriko, kwindawo eyayikwicala langasempumalanga yemithombo yaseJeriko, wenjenjeya ubhekisa ngasentlango. Wasuka eJeriko walityhutyha eleentaba ukusa eBhetele.
2 Ukusuka eBhetele (ekwakuthiwa yiLuzi) wadlulela eAtaroti, apho ayemi khona ama-Arki.
3 Wehla wajonga ngasentshona kummandla wamaYafeleti, waya kuma kummandla waseBhete-horon engasezantsi. Wedlula apho ujonge eGezere, waya kuma ngolwandle.
4 Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu, izizwe zakwaEfrayim noManase.