1 Ibandla lakwaSirayeli lahlangana eShilo, lamisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo apho. Naxa umhlaba wawuseluthinjiwe
2 kwakusekho izizwe zamaSirayeli ezisixhenxe ezazingekabelwa ilifa lazo.
3 Wabhekisa kumaSirayeli ke uYoshuwa wenjenje: “Niya kulibazisa kude kube nini ukuya kuthimba umhlaba enawunikwa nguNdikhoyo, uThixo wooyihlo-mkhulu?
4 Ndikhetheleni amadoda abe mathathu kwisizwe ngasinye, ndiwathume aye kulicanda ilizwe, abhale iinkcukacha zalo ngokwelifa lesizwe ngasinye. Kufuneka aphinde eze kum akugqiba.
5 Loo mhlaba ke uya kwabiwa wahlulwe ube ziziqwenga ezisixhenxe. UJuda wohlala ngezantsi kummandla wakhe, noJosefu wohlala kowakhe ummandla ngasentla.