41 Ummandla waso wawuquka iZora, iEshtawoli, i-Ire-shemeshe,
42 kunye neShalabhim, iAyalon, i-Itela,
43 iElon, neTimnata, kunye ne-Ekron,
44 uthathe ne-Elteke, iGibheton, iBhalata,
45 iYehudi, iBhene-bheraki, iGati-rimon,
46 iMeyakon, neRakon, kunye nommandla ojongene neJopa.
47 Athi akulahlekelwa ngumhlaba wawo amaDan aya kuhlasela iLeshem. Ayithimba yaba yeyawo akuba ebabulele abemi balapho. Ema apho, alijika negama layo iLeshem, athi ukuyibiza kwayo yiDan, eyithiya ngokhokho wawo uDan.