7 Kwakukwakho neAyin, iRimon, iEtere, kunye neAshan; izixeko ezine kunye neelali ezizingqongileyo.
8 Zonke iilali ezazingqonge ezo zixeko zazikwalapho kude kuse eBhalati-bhere (ekuthiwa yiRama) kwintlango engasezantsi.Nguwo ke lowo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaSimon, waba lilifa lazo.
9 Umhlaba wakwaJuda inxalenye yawo yabelwa isizwe sakwaSimon ukuba ibe lilifa laso, kuba wawumkhulu ngaphezu kokuba isizwe sakwaJuda sasiwudinga.
10 Ngesihlandlo sesithathu *iqashiso laphumela isizwe sakwaZebhulon ngokwezindlu zaso. Umda welifa lesi sizwe waya kuma ngeSaridi.
11 Ukusuka apho umda wacanda ngasentshona waya kutsho eMarala, wegqitha eDabhesheti nakwintlambo iYokeneham.
12 Kwicala elingaphaya kweSaridi wenjenjeya ukuya ngasempuma kumda weKiseloti-tabhore, wedlulela eDabherati ukusinga eYafiya.
13 Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.