1 Iintloko zezindlu zakwaLevi zaya kumbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zakwaSirayeli.
2 Zaya kubo eShilo kwelamaKanana, zafika zathi: “*UNdikhoyo wayethe kuMosis thina masinikwe izixeko kunye namadlelo azo.”
3 AmaSirayeli ke ngoko, ethobela umyalelo kaNdikhoyo, acaphula kwilifa lawo, abanika ezinye izixeko zawo abaLevi kunye namadlelo azingqongileyo.
4 *Iqashiso lokuqala laphumela imizi yendlu yabaLevi bakwaKohati, babelwa izixeko ezilishumi linantathu, ezazikummandla wakwaJuda, nowakwaSimon, kunye nowakwaBhenjamin.
5 Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.
6 Indlu yakwaGershon yabelwa ishumi elinantathu lezixeko kummandla wakwaIsakare, nakwa-Ashere, kwaNafetali, nakwisiqingatha sakwaManase esiseBhashan.