5 Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.
6 Indlu yakwaGershon yabelwa ishumi elinantathu lezixeko kummandla wakwaIsakare, nakwa-Ashere, kwaNafetali, nakwisiqingatha sakwaManase esiseBhashan.
7 Indlu yakwaMerari ngokwemizi yayo yabelwa ishumi elinambini lezixeko kummandla wakwaRubhen nakwaGadi nakwaZebhulon.
8 Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.
9-10 Nazi ke izixeko ezabelwa abazukulwana baka-Aron, inzala kaLevi, bendlu kaKohati, ezazikummandla kaJuda noSimon: iqashiso laphumela bona kuqala,
11 babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,
12 kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.