8 Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.
9-10 Nazi ke izixeko ezabelwa abazukulwana baka-Aron, inzala kaLevi, bendlu kaKohati, ezazikummandla kaJuda noSimon: iqashiso laphumela bona kuqala,
11 babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,
12 kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.
13 Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena,
14 iYatire, iEshtemowa,
15 iHolon, iDebhiri,