21 Abantu bathi kuYoshuwa: “Hayi bo! Thina siza kukhonza uNdikhoyo.”
22 Wathi ke uYoshuwa: “Ningamangqina enu ngokwenu ke ukuba nina nizikhethele ukukhonza uNdikhoyo.”“Ewe, singamangqina,” batsho abantu.
23 “Yahlukanani ke nazo ezo zithixo zasemzini ninazo,” watsho uYoshuwa, “nize ke nizinikele ngomxhelo wonke kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli.”
24 Bathi abantu kuYoshuwa: “Thina sokhonza uNdikhoyo uThixo wethu, siphulaphule ilizwi lakhe.”
25 Ngaloo mini, belapho eShekem, uYoshuwa wabenzela umnqophiso abantu, wabanika imimiselo nemithetho amabayithobele.
26 Wayibhala yonke loo nto uYoshuwa encwadini yomthetho kaThixo. Waza emva koko wathatha ilitye elikhulu, walimisa phantsi komthi wom-oki ngakuloo ndawo wayenqulelwa kuyo uNdikhoyo.
27 Wathi ebantwini bonke: “Niyabona, eli litye loba lelobungqina, kuba liwevile onke amazwi uNdikhoyo awabhekise kuthi. Lilo ke eloba lingqina xa nimkhanyela uThixo wenu.”