6 Waza wabhekisa kubabingeleli wathi: “Thwalani ityesi yomnqophiso niwele, baze abantu balandele.” Benjenjalo ke ababingeleli.
7 Wathi uNdikhoyo kuYoshuwa: “Into endiza kuyenza namhlanje iya kukwenza utsho uhlonipheke kumaSirayeli, aqonde ukuba ndinawe nanjengoMosis.
8 Yithi kubabingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ze bathi bakufika emlanjeni iJordan, bangene beme enyeleni.”
9 UYoshuwa wabiza amaSirayeli wathi: “Sondelani nize kuva amazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo wenu.
10 Noqonda ngale nto ukuba uThixo ophilayo ukho phakathi kwenu: nguye oya kuwaswantsulisa amaKanana, amaHeti, amaHivi, amaPerezi namaGirgashi, ama-Amori kunye namaJebhusi.
11 Niyabona, ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, iNkosi yehlabathi liphela, yiyo enandulelayo ukuwela iJordan.
12 Khethani ishumi elinambini lamadoda kwizizwe zakwaSirayeli, ibe nye kwisizwe ngasinye.