15 UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:
16 “Xelela ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ukuba baphume emlanjeni.”
17 Wenjenjalo ke uYoshuwa,
18 bathi bakuba bewelile, wabuya wazala, waphuphuma kwakhona umlambo.
19 AmaSirayeli ayiwela iJordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala, afika amisa iintente eGiligali engasempumalanga yeJeriko.
20 UYoshuwa wawamisa apho eGiligali laa matye alishumi linambini ayethathwe eJordan.
21 Wathi kumaSirayeli: “Xa bathe abantwana benu babuza kuni, boyise, besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’