1 Ke kaloku wathi *uNdikhoyo kuYoshuwa: “Uze ungoyiki, ungankwantyi. Thatha wonke umkhosi wakho, uhlasele iAyi. Ukumkani waseAyi, kunye nabantu bakhe, nesixeko sakhe, kunye nalo mhlaba wakhe, ndimnikele ezandleni zakho.
2 Nalapha eAyi uze wenze laa nto wawuyenze eJeriko nakukumkani wakhona. Kodwa ngoku amaxhoba eenkomo kunye nezinye izinto nize nizithathele zona. Nize nizilungiselele ukuyiqubula loo dolophu, nibe nabalaleli ngapha kwayo.”
3 UYoshuwa waxhabashela ukuya eAyi kunye nomkhosi wakhe. Wakhetha amawaka amashumi mathathu awona angamakhalipha kumadoda omkhosi, wawakhupha ngobusuku
4 nalo myalelo: “Phulaphulani! Zimelani ngapha kwesixeko, ningabi kude, nihlale nichophe phezu kwezikrweqe.
5 Mna kunye namadoda ahamba nam sosivelela ngaphambili isixeko. Xa amadoda aseAyi asihlangabezayo thina siya kujika sibaleke njengokwesihlandlo sokuqala.
6 Wona ke osisukela de athi qelele esixekweni, eba siyabaleka njengakuqala. Besasisukela njalo ke
7 nina niya kuphuma kuloo ndawo benizimele kuyo, nihlasele isixeko, nisithimbe. UNdikhoyo uThixo wenu wosinikela ezandleni zenu.