1 Imbali yokutshatshela kwamaSirayeli yaya kuvakala nakwiikumkani ezazimi ngasentshonalanga kweJordan: kweleentaba, emazantsi eentaba, nasemantla konxweme lolwandle, ukuya kutsho eLebhanon. Ezo ke yayiziikumkani ezazilawula amaHeti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
2 Zonke zabuthelana ngamxhelo mnye ukuze zilwe noYoshuwa namaSirayeli.
3 Abantu baseGibheyon, ababengamaHivi, bayiva imbali yezigigaba zikaYoshuwa eJeriko naseAyi,
4 baza bagqiba ekubeni mabenze iqhinga. Bathume izigidimi zilayishe ukutya ezimbongolweni ngeengxowa ezigugileyo.
5 Zanxiba amadlavu, neembadada ezikrazukileyo, zathatha isonka esomileyo esingundileyo