23 Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.
24 Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.
25 Into awayesithembise yona ke uKrestu bubomi obungunaphakade.
26 Ndinibhalela ezi zinto mayela nabo banikhohlisayo.
27 Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.
28 Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.
29 Niyazi ukuba uKrestu ulilungisa; ngokunjalo ke qondani ukuba nawuphi na umntu owenza okulungileyo ungumntwana kaThixo.