10 Ibe ke ngenene nani niziphethe ngale ndlela kuwo onke amakholwa kulo lonke elaseMakedoni. Phofu ke, mawethu, ndiyanikhuthaza ukuba niqhubele phambili ukwenjenjalo.
11 Nokuba yintoni na imeko ibhongo lenu malibe kukuhlala ngoxolo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye abantu. Philani kukubila kwamabunzi enu njengoko ndandiniyalele.
12 Ngale ndlela ke nabo bangakholwayo baya kutsho banihloniphe; futhi ke ningaxhomekeki mntwini ngeentswelo zenu.
13 Ndithanda ukunicacisela, mawethu, mayela nâbo bangasekhoyo, ukuze ningabi lusizi njengabantu abangenathemba.
14 Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.
15 Le nyaniso ndinixelela yona lilizwi leNkosi: Thina baya kuba besaphila ngemini yokubuya kweNkosi asiyi kufumana nto bangayi kuyifumana abo bangasekhoyo.
16 Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala,