1 Kubhala mna Pawulos – *endingumthunywa kaKrestu Yesu, ngokuthanda kukaThixo – kunye noTimoti uwethu. Sibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, nemilowo yakhe yonke kwelaseAkaya, sisithi:
2 Wanga uThixo uBawo wethu, kunye neNkosi uYesu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
3 Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo.
4 Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.