2 Kwabasekorinte 5 XHO96

1 Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.

2 Kule meko siyancwina, silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini.

3 Ukuba singene kuso ke, asinakuyidinga indawo yokuhlala.

4 Okwangoku sisekule ndlu yasemhlabeni siyancwina, siziva sicinezelekile. Asikuko ke nokuba asisayifuni le ndlu yethu yasemhlabeni, koko kukuba silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini, ukuze oko kufayo kuginywe bubomi.

5 NguThixo ngokwakhe osilungiselela le nguqulelo; nguye osinike uMoya oyiNgcwele osisiqinisekiso sazo zonke izinto asilungiselele zona.

6 Ngoko ke sihlala sinethemba. Kaloku siyazi ukuba xa sisekulo mzimba, sikude nelo khaya liseNkosini.

7 Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

8 Asithandabuzi, ngoko ke sinolangazelelo lokuwushiya lo mzimba, siye kuhlala neNkosi.

9 Ngaphezu kwezinto zonke ke ibhongo lethu kukuba sithi noba sikweli ikhaya, okanye sikwelo sililangazelelayo, sihlale samkelekile kuyo.

10 Kuba sonke kufuneka sivele phambi koKrestu, asivavanye. Umntu ngamnye uya kufumana loo nto imfaneleyo, nokuba yentle, nokuba yembi, ngokwendlela ebeziphethe ngayo kulo mzimba.

Ubuhlobo noThixo ngoKrestu

11 Ngenxa yokuba siyithobela iNkosi, sizama ukuzuza abantu. UThixo uyasiqonda ngokupheleleyo, ibe ke nani ndiyathemba ukuba nathi nisiqonda ngokupheleleyo.

12 Ngale ndlela ke asizami kuzithandekisa kuni, nto nje sinenzela indlela yokuba nikwazi ukuba neqhayiya ngathi, ukuze nikwazi ukubaphendula abo baqhayisa ngembonakalo endaweni yokuqhayisa ngesimilo.

13 Ukuba asibhadlanga, kungenxa kaThixo. Kanti ukuba sibhadlile, kungenxa yenu.

14 Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe.

15 Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.

16 Ngoko ke asisagwebi mntu ngomgangatho wehlabathi. Noba singade sibe sakha samthatha ngolo hlobo uKrestu, asisayenzi loo nto ngoku.

17 Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.

18 Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa.

19 Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.

20 Ngoko ke sizizigidimi zikaKrestu ngokungathi uThixo unibongoza ngathi. Ngenxa kaKrestu siyanicenga, yibani noxolo noThixo!

21 Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13