2 Kwabasekorinte 9 XHO96

Iphulo lokunceda amaKrestu

1 Akukho mfuneko yokuba ndinibhalele mayela nombandela wephulo lokunceda abantu bakaThixo abakwaJuda.

2 Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi.

3 Ndithumela loo makholwa kuni ngoku, khon' ukuze kungabi ngathi ndandithetha nje xa ndandiqhayisa ngani mayela nalo mcimbi. Njengokuba sendiqhayisile nje ke, bekungakuhle ukuba bafike senilungile.

4 Nanjengokuba ndinithemba kangaka nje, ndingadana kakhulu, nani nihlazeke kakubi, ukuba kunokufika abantu baseMakedoni apho, behamba nam, ningekalungi.

5 Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.

6 Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.

7 Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.

8 Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle,

9 njengoko zitshoyo *neziBhalo ukuthi:“Uwapha ngesisa amahlwempu;ububele belungisa buhlala buhleli.”

10 Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.

11 Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.

12 Le nkonzo niyenzayo kaloku ayanele nje kukuhlangabezana neentswelo zabantu bakaThixo, koko ibanga ukuphuphuma kwemibulelo ebhekiswa kuThixo.

13 Abaninzi ke baya kumdumisa uThixo ngenxa yokucaca kwentembeko yenu, xa bebona ukumthobela kwenu nokunyaniseka kwenu kwiindaba ezimnandi zikaKrestu, nangobubele benu, kuba nisabelana nabo bonke abanye.

14 Bonithandazela ke benga banganibona ngenxa yesisa esikhulu anenzele sona uThixo.

15 Makabulelwe uThixo ngesipho sakhe esingaka.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13