2 Kwabasekorinte 11 XHO96

UPawulos nabathunywa bobuxoki

1 Bendinga ningakhe nindinyamezele kancinane kobu budenge bam; ngenene ndinyamezeleni!

2 Ndinekhwele ngani kanye ngale ndlela uThixo anekhwele ngayo ngani; ninjengentombi enyulu endiyendisela esokeni elinye qha, elinguKrestu.

3 Kambe ndinoloyiko hleze iingqondo zenu ziwexuleke, nikutyeshele ukuzondelela uKrestu, kanye ngalaa ndlela uEfa walukuhlwa ngayo bubuqhetseba benyoka.

4 Kaloku nithakazelela nabani na oza kuni anishumayeze uKrestu ongomnye, ongenguye lo ndamshumayelayo; nize ninyamazele nabani na oza nomoya ongenguye lo namnikwayo. Namkela neendaba ezinxamnye neendaba ezimnandi enazifumana kuthi.

5 Akukho nto ndisilela ngayo kwabo bathunywa benu baxabisekileyo!

6 Kungenzeka ukuba andilociko ekuthetheni, kodwa ke ndinalo lona ulwazi. Iye yacaca le nto kuni amaxesha ngamaxesha naphantsi kweemeko ngeemeko.

7 Ngokuya ndandinishumayeza iindaba ezimnandi zikaThixo zange ndinihlawulise nento le; ndazithoba mna ukuze nizimaseke nina. Ngaba ndona ngokwenjenjalo?

8 Ngokuya ndandisebenza phakathi kwenu ndandibonelelwa ngamanye amabandla. Ngenye indlela ndandiwaqhatha ukuze ndincede nina.

9 Ngelo xesha ndandinani andizange ndinikhathaze ngakufuna nto kuni xa ndandiswele imali. Amakholwa awayevela eMakedoni andiphathela yonke into endandiyiswele. Njengakwixesha elidlulileyo, koba njalo nakwelizayo: andisoze ndibe ngumthwalo kuni!

10 Ndithetha ndingokaKrestu nje, eli qhayiya ndinalo lokuba ndingengomthwalo kuni aliyi kunqandwa bani kulo lonke elaseAkaya.

11 Ndiyithethiswa yintoni ke le nto? Ngaba kungenxa yokuba ndinganithandi? UThixo uyazi ukuba ndiyanithanda!

12 Ndiya kuqhubela phambili ndisenza le nto ndiyenzayo, ukuze ndibavalele abo bathunywa babo bangabi nandlela yakuqhayisa, besithi benza kwalo msebenzi ndiwenzayo.

13 Loo madoda ayingobathunywa – angoosinga-bathunywa; azithethelela ngobuqhetseba, azenze akhangeleke ngathi angabathunywa bakaKrestu ngenene.

14 Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya.

15 Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.

Ubunzima obathwalwa nguPawulos

16 Kwakhona ndithi makungabikho bani uba ndisisidenge. Kodwa ukuba nithi ndisisidenge, ze nindinyamezele ke njengesidenge, oku kokuba ndifumane ithutyana lokuqhayisa.

17 Ngenene le nto ndiyithethayo ngoku andiyithunywanga yiNkosi. Kulo mbandela wokuqhayisa ndithetha njengesidenge mpela.

18 Kodwa ke ngenxa yokuba bebaninzi kangaka nje abaqhayisa ngamabakala eli hlabathi, nam ndiya kwenjenjalo.

19 Nakuba nina nilumke kangaka nje niyakuthakazelela kodwa ukunyamezela izidenge!

20 Ninyamezela nabani na onivuyelelayo, okanye onixhaphazayo, okanye ozanyiselelayo, okanye onijongele phantsi, okanye oniqhwabayo.

21 Ndineentloni ukuyivuma loo nto; kambe mna ndaba ligwala!Kodwa ke ukuba kukho bani onobuganga bokuqhayisa – ndivakala njengesidenge – nam ndiya kuba nobuganga obukwanjalo.

22 Ngaba bangamaHebhere na? Nam ndinguye. BangamaSirayeli? Nam ndinguye. Ngaba bayinzala ka-Abraham na? Nam ndiyiyo.

23 Bazizicaka zikaKrestu na? – Ndivakala njengegeza – Nam ndisiso, nangaphezulu! Ndisebenze nzima ngokungaphezulu, ndivalelwe kaninzi entolongweni, ndikatswe kaninzi, ndilikrobe kaninzi ingcwaba.

24 Kukahlanu ndikatswa imivumbo engamashumi amathathu anethoba ngamaJuda.

25 Ndikatswe izihlandlo ezithathu ngamaRoma, futhi ndakha ndaxulutywa ngamatye. Kukathathu ndiqhekekelwa yinqanawa elwandle; ndakha ndachitha ubusuku nemini enzonzobileni yamanzi.

26 Ndaba soloko ndiseluhambeni; ndibe sezingozini emilanjeni, iingozi kwizihange, iingozi kumawethu, iingozi kwabasemzini, iingozi ezidolophini, iingozi emaphandleni, iingozi elwandle, iingozi nakwabanga bazizihlobo.

27 Ndaba soloko ndisebenza nzima, ndibulaleka; ndaba soloko ndingalali; ndilamba, ndinxanwa; ndaba soloko ndiswele ukutya okwaneleyo, indawo yokuhlala, nempahla yokunxiba.

28 Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla.

29 Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.

30 Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.

31 UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki.

32 Xa ndandiseDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yabeka abalindi emasangweni edolophu ukuze bandibambe.

33 Kodwa ndathotywa ngebhaskiti kwikroba elaliseludongeni, ndasinda ke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13