2 Kwabasekorinte 7 XHO96

1 Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

Uvuyo lukaPawulos

2 Nize nihlale nindikhumbula. Andonanga mntu, ndingenzakalisanga bani kuni, akukho nabani ndamqhathayo.

3 Anditsho kuba ndifuna kunibeka bala nganto. Senditshilo kakade ukuthi nina nisenyongweni kum – mna nani sofa kunye.

4 Ndinithembe gqitha, yaye ndinebhongo ngani, kangangokuba kubo bonke ubunzima endinabo ndisuka ndizive ndisomelezeka, ndiphuphuma luvuyo.

5 Andizange ndaba nakuphumla konke-konke, naxa sendifikile eMakedoni. Kwakuziingxabano apho, ngapha nangapha; ndabe ke mna ndinxunguphele.

6 Kodwa, uThixo obomelezayo abadakumbileyo, wandivuselela ngokufika kukaTito.

7 Akubanga kukufika kwakhe nje kodwa, koko nengxelo yakhe ngokumphatha kakuhle kwenu nimkhuthaza, nayo yandivuselela. Wandixelela nokuba anisanqweni ngako ukundibona, nokuba nilusizi, nifuna nokundilwela. Ndonwabe ngakumbi ke ngaloo nto.

8 Xa ndinixelela inyaniso, nokokuba laa ncwadi ndanibhalela yona yanenza buhlungu, andisevi kakubi mna yiloo nto ngoku. Kaloku ndiphawule ukuba naba buhlungu yiyo, nokuba kokwexeshana nje.

9 Kodwa ndiyavuya ngoku – phofu ingekuko kuba ndanivisa ubuhlungu, koko ikukuba intlungu yenu yanibangela inguquko. Intlungu yenu ibe yinto esuke yasetyenziswa nguThixo; ngoko ke andinenzakalisanga.

10 Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.

11 Khanibone into anenzele yona uThixo ngentlungu yenu: nitsho nanenyameko, nafuna nokuzihlamba ibala lesityholo, nakhathazeka, nanomothuko, nalangazelela nokundibona, natshiseka, nakuqonda nokohlwaya isono. Nibonakalise ngeendlela zonke ukuba aninabala kulo mbandela.

12 Naxa ke ndayibhalayo incwadi leyo kwakungengakuba ndandiyibhala ngenxa kabani owonileyo okanye ubani owoniweyo. Injongo yam ekuyibhaleni yayikukuba ndinibonise mhlophe phambi koThixo indlela enizikhathaza ngayo ngam.

13 Indivuselele kanobom ke loo nto.Andivuselelekanga nje kuphela, koko ndivuyiswa nangakumbi yindlela enanimphethe ngayo uTito xa ninonke, nimenza onwabe.

14 Ndakha ndamqhayisela ngani, nani ke anindiphoxanga. Bendisoloko ndithetha inyaniso kuni ngawo onke amaxesha, ngokunjalo ke nokuqhayisa kwam kuTito akubanga bubuxoki.

15 Naye uya enithanda ngakumbi, ebangwa ziinkumbulo zokumthobela kwenu, nimphethe kakuhle ngembeko noloyiko.

16 Ndonwabe kwaphela kuba ndinebhongo lokuba ndinganithemba ngokupheleleyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13