2 Kwabasekorinte 6 XHO96

1 Ngoko ke njengabo basebenzisana noThixo siyanibongoza ukuba ningathi kanti ubabalo lukaThixo nilwamkelele ilize.

2 Kaloku uthi uThixo:“Ndasabela ngomhla okholekileyo,ndakunceda ngomhla wokusindiswa kwakho.”Khangela ke, nguwo lo umhla okholekileyo, yiyo le imini yokusindiswa!

3 Ukuze umsebenzi wethu ungabekwa bala, siyaziphepha izinto ezinokukhubekisa nabani na.

4 Ewe, kuyo yonke imicimbi siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo, ngokunyamezela sisezinkathazweni – sisezimbandezelweni nasebunzimeni asityhafi:

5 noba siyabethwa, nditsho sesifakwa ezintolongweni, noba siphakathi kwezidubedube, nditsho sesisetyenziswa ngaphezu kwamandla ethu, naxa singalali okanye singatyi.

6 Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo;

7 ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi.

8 Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso;

9 ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko;

10 nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.

11 Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.

12 Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.

13 Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!

Isilumkiso ngefuthe labahedeni

14 Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?

15 Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo?

16 Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi:“Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam,ndihlale phakathi kwabo,ndibe nguThixo wabo,babe ngabantu bam ke bona.”

17 Ngokunjalo iNkosi ithi:“ ‘Phumani phakathi kwabo,nahlukane nabo.Musani ukuyichukumisa into engcolileyo.Mna ndiya kunamkela.

18 Ndoba nguyihlo,nina nibe ngoonyana neentombi zam,’itsho iNkosi uSomandla.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13