2 Kwabasekorinte 2 XHO96

1 Ndandizimisele ke ukuba andiyi kuphinda ndize kuni, ndize kunenza lusizi.

2 Kuba ndingónwatyiswa ngubani, xa ndikhathaza nina? Kaloku akukho wumbi ngaphandle kwenu!

3 Into ke eyandibangela ukuba ndinibhalele laa leta kukuba ndandingathandi ukuviswa intliziyo ebuhlungu kwangabo bantu bamelwe kukundonwabisa. Kaloku ndiqinisekile kukuba nani niyonwaba xa ninonke ukuba mna ndonwabile.

4 Ndanibhalela ndinexhala, ndibuhlungu, ndisezinyembezini, phofu ndingajonge ukunivisa ntw' imbi, koko ndandifuna niyiqonde kakuhle indlela endinithanda ngayo.

Ukuxolelwa kowonayo

5 Ukuba ke kukho bani ukhathaze omnye, loo mntu akakhathazanga mna ndedwa, ngenye indlela unikhathazile nani.

6 Isohlwayo uninzi lwenu eluvumelene ngaso sikwanele ukona kwakhe.

7 Ngoku ke kufuneka nimxolele, nimkhuthaze, ningamyeki ade atyhafe yintlungu akuyo, aze ancame.

8 Ndiyanibongoza, loo mntu mboniseni ukuba nimthanda ngenene.

9 Ndanibhalela laa leta kanye ngenxa yesi sizathu: ndandifuna ukunivavanya, ndiqonde ukuba niza kusithobela na isiyalo sam.

10 Xa sukuba nixolela umntu ngokona kwakhe, nam ndiyamxolela. Kuba mna xa ndixolela – apho sukuba kukho ndawo ndixolela umntu ngayo – ndenjenjalo ngenxa yenu egameni likaKrestu.

11 Masingavumi ukuqhathwa nguSathana. Siwazi kakuhle kaloku amaqhinga akhe.

Ixhala likaPawulos eTrowa

12 Ndakuba ndiseTrowa ngodaba lokuhambisa iindaba ezimnandi ezingoKrestu, ndafika apho iNkosi indenzele ithuba elihle lokusebenza.

13 Kodwa andizange ndonwabe emphefumlweni ngenxa yokungamfumani apho uTito uwethu. Ndasuka ke ndacela indlela kubantu balapho, ndemka ndaya eMakedoni.

Ukoyisa ngoKrestu

14 Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi.

15 Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nâbo baya kwantshabalalo.

16 Iphunga laso liyabarhaxa abaya kwantshabalalo; silivumba elimnandi elidlisa ubomi kwabo basindiswayo. Ke, ngaba ngubani owufaneleyo lo msebenzi unje?

17 Thina okungenani asihambi sijikeleza sithengisa ngodaba lukaThixo njengoko besenza abaninzi. Thina bamanywe noKrestu sivakalisa udaba sinyanisekile okwezigidimi zikaThixo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13