1 Ndim, mna Pawulos ngenkqu, onibongozayo, nakuba kusithiwa ndinobulali ndithantamisa xa ndilapho phakathi kwenu, kodwa ndithi ndakuba ndisithele ndibe nesibindi nobuganga ngakuni. Ndiyanicenga ke, ngenxa yokuthantamisa nobubele bukaKrestu:
2 musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi.
3 Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.
4 Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo;
5 sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.