13 Okwethu ke ukuqhayisa kuphantsi kwemida ethile. Akudluli kwimida yokusebenza esiyimiselwe nguThixo, ebandakanya nokusebenza kwethu phakathi kwenu.
14 Njengoko ke nani nikwakuloo mida, andiyitsibanga ke ngokuza kuni ndiniphathele iindaba ezimnandi ezingoKrestu.
15 Ngoko ke andiqhayisi ngomsebenzi owenziwe ngabanye ngaphaya kwemida endiyimiselwe nguThixo. Ndaweni yaloo nto, ndinethemba lokuba lwakukhula ukholo lwenu, ndiya kuba nako ukwenza umsebenzi ongaphezulu phakathi kwenu, ndisoloko ndikwimida endiyimiselwe nguThixo.
16 Kamva ke ndoba nako ukuzishumayela iindaba ezimnandi kumazwe angaphaya kwenu, ukuze ndingaqhayisi ngomsebenzi osewenziwe kwimida yomnye umntu.
17 Kodwa ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.”
18 Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.