10 Ndithetha ndingokaKrestu nje, eli qhayiya ndinalo lokuba ndingengomthwalo kuni aliyi kunqandwa bani kulo lonke elaseAkaya.
11 Ndiyithethiswa yintoni ke le nto? Ngaba kungenxa yokuba ndinganithandi? UThixo uyazi ukuba ndiyanithanda!
12 Ndiya kuqhubela phambili ndisenza le nto ndiyenzayo, ukuze ndibavalele abo bathunywa babo bangabi nandlela yakuqhayisa, besithi benza kwalo msebenzi ndiwenzayo.
13 Loo madoda ayingobathunywa – angoosinga-bathunywa; azithethelela ngobuqhetseba, azenze akhangeleke ngathi angabathunywa bakaKrestu ngenene.
14 Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya.
15 Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.
16 Kwakhona ndithi makungabikho bani uba ndisisidenge. Kodwa ukuba nithi ndisisidenge, ze nindinyamezele ke njengesidenge, oku kokuba ndifumane ithutyana lokuqhayisa.