28 Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla.
29 Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.
30 Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.
31 UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki.
32 Xa ndandiseDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yabeka abalindi emasangweni edolophu ukuze bandibambe.
33 Kodwa ndathotywa ngebhaskiti kwikroba elaliseludongeni, ndasinda ke.